ULusanda Komanisi akakufuni ukulwela ephondweni lakhe ngenxa yemali

Lusanda Komanisi. Umfanekiso: Facebook

Abathelekisi beembethimanqindi abohlukeneyo bazama umlo ongangowona ujongwe ngamelo abomvu eMzantsi Afrika. Umlo ophakathi kukaLusanda Komanisi noTshifhiwa unethuba elide izanywa – kodwa ingathi uza kude wenzeke kulo unyaka. “Umlo uza kwenzeka kwisithuba seenyanga ezintathu,” utshilo uKomanisi ethetha neBoxing Talk TV. UKomanisi uthi uyamazi uTshifhiwa ukuba yimbethimanqindi eyingozi futhi esemgangathweni ophezulu kakhulu – kodwa ulungiselela ukusonga usephakathi umlo xa bedibana emlweni ekuqikelelwa ukuba ungenzeka ekuthambekeni kwalo unyaka. La madoda mabini arhalela ukuvana amandla kwitayitile yoMzantsi Afrika. UKomanisi noMunyai ziimbethimanqindi ezihlonitshwayo kwicandelo lamanqindi emva kokuzibalula emilweni yehlabathi.

UKomanisi, 32, uwise amadoda amathandathu emilweni ngamashumi amabini anesihlanu ayilwileyo. Yena uMunyai, 37, ubethwe kanye wawisa amadoda zacima izibane emadodeni angamashumi amathathu anesithathu ayilwileyo. UKomanisi uyavuma ukuba uMunyai yindoda ekwaziyo ukulwa – kodwa into angayifuniyo kukulwela kowabo eMpuma Koloni kuba esithi akukho nto aza kuyizuza. “Kudala ndimkhwaza uMunyai. Ndiwungxamele umlo wam naye ngoba ungumpondozihlanjiwe kwitayitile yoMzantsi Afrika (SA lightweight). Uyeza wona umlo kwezi nyanga zizayo noxa kungekho nto esele ityikitywe phanti,” utshilo uKomanisi kutshanje.

“Umlo uza kuqhutyelwa kwiphondo laeGauteng okanye eLimpopo. Andikufuni ukulwela eMonti, andiyithandi la ndawo. Ndifuna ukonwabisa abantu baseThekwini, eGoli nakwezinye iindawo. Andisakufuni ukulwa phambi kwabantu abandaziyo kwinqanaba endikulo. Ukuba umlo uya eMonti, akukho nto endiza kuyifumana apho. Umlo wam noMunyai uthengiseka kakuhle kwiindawo efana neGoli,” utshilo uKomanisi. Nakubeni abaphathi nabathelekisi besabonisana esithebeni seengxoko, uKomanisi uthi uzimisele ukumwisa uMunyai mhla wadibana naye. “Ndiyincutshwe ekuwiseni abantu. Ndiyamhlonipha – kodwa ndilungiselela ukumbetha ingaphelanga imijikelo yomlo,” uvale ngaloo mazwi uKomanisi.