IBidvest Wits
ifumene izigidi zeerandi ezivisayo emva kokuthengisa oyena mdlali onekamva
eliqaqambileyo eMzantsi Afrika, uPhakamani Mahlambi, kwiqela eliphambili
kwizwekazi le-Afrika elibizwa ngokuba yi-Al Ahly. UMahlambi ubhengezwe
ngokusesikweni zizangxa zase-Egypt emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho
seminyaka emine yonke. IWits yamkele imali ephaya kwi-$1,3-million
(R16,7-million) emva kokuphumelela kukaMahlambi uvavanyo lwempilo izolo.
Kwimbali ye-Afrika, i-Al Ahly, lelona qela liyiphumelele izihlandlo ezininzi
iCaf Champions League ngaphezulu kunamanye amaqela.
Lo mdlali
ungowokuqala ophuma eMzantsi Afrika ozakudlalela iqela laseYiphutha kwimbali
yebhola. Okuhle ngokuhamba kwakhe kukuba i-Egypt Premier League yeminye yemibutho
elawula ibhola ekhatywayo ephambili kwi-Afrika iphela. Ukuhamba kukaMahlambi
kulandela emva kokuba engaphumelelanga kwilinge lakhe lokudlala eYurhophu
kwinyanga ephelileyo. Kwelinye icala iWits yamkele ifolosi yaseYiphutha egama
lingu-Amr Gamal phambi kokuqala kwesizini entsha yePSL. Ukudlala kukaMahlambi
kwilizwe laseYiphutha kunomnceda ngoba amaqela aphambili aseYurophu azakube
embonela kufutshane xa edlala.
IBig Brother Mzansi iza kuqala ngoJanuwari