UMahlatse unethemba lokudlala kwiChippa

Phakathi kwabadlali abaliqela abafunyenwe yiChippa United phambi kokuqala kwale sizini kukho uMahlatse Makudubela – omnye wabadlali abanokuyithatha ibhola yelizwe bayibeke kwinqanaba eliphezulu xa enokunikwa ithuba lokudlala.

Lo mdlali ugaleleke kwiiChilli Boys kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ngemboleko esuka kwi-Orlando Pirates – apho angakwazanga ukufumana ithuba lokudlala phantsi kwabaqeqeshi abaliqela kwisizini edlulileyo.

Nangona engekadlali kangako – kodwa yena uMakudubela usendaweni emlungeleyo ngoba indlela adlala ngayo ihambelana ngqo nomdlalo weChiefs. Kukuye ke ukuba uyalisebenzisa ithuba alifumanayo kuTeboho Moloi.

Phambi kwekhefu lemidlalo yeFIFA, uMakudubela unikwe ithuba xeshikweni iChippa iqubisene neGolden Arrows kwaye uzimisele ukulisebenzisa kwakhona ithuba elivelayo.

“Kube mnandi kakhulu kum xa ndifumana ithuba lokudlala. Lo nto iza kundinceda ukukhulisa ukuzithemba kum,” utshilo uMakhudubela kwikhasi lomnatha leChippa.

Le ndedeba iyakuvuyela kakhulu ukudlalela iChippa United nokudlala phantsi kukaMoloi ongene endaweni kaDan Malesela kwinyanga edlulileyo.

“Kuyandonwabisa ukuba seBhayi. Zininzi izinto endizifundayo apha phantsi kwalo mqeqeshi. Kwabalula kum ukuza apha ngoba ndandisazi uMalesela. Yiyo lo nto ndingazange ndilibazise xa usihlalo uSiviwe Mpengesi noKoutroulis besiza naloo mbono. Mna nomqeqeshi sifuna into enye: impumelelo. Singayenza lo nto kwaye ndizimisele ukwenza elam igalelo kweli qela,” utshilo uMakhudubela.

NgeCawe ngentsimbi yesithathu, iChippa yamkela iCape Town City kumdlalo wePSL ozakube useSisa Dukashe Stadium.

IiChilli Boys zikhangela indlela yokuqokelela amanqaku emva kwemidlalo emine eziyidlale ntanganye phantsi kukaMoloi.

Ukuba abadlali bakaTebza bazimisele, banalo ithuba lokuyibetha iCity. Amakhwenkwe kaBenni McCarthy asaphazamisekile ngokwasengqondweni emva kokubethwa kwiMTN 8 nayiBloemfontein Celtic ngoLwesibini kule veki.

Imidlalo yeChippa izakudlalelwa eMdantsane ngoku emva kokupasiswa kweSisa Dukashe nguRonnie Schlos kwiveki ephelileyo.