UMakhaya Ntini uzakuqeqesha eZimbabwe

Inzalelwane yaseQonce uMakhaya Ntini, uzakuxhuzula imikhala njengomqeqeshi weqela lesizwe leqakamba laseZimbabwe.

UNtini, noneminyaka engamashumi amathathu anesibhozo wadlala imidlalo elikhulu elinanye yovavanyo kwiProteas, waye wathabatha oothinti abangamakhulu amathathu namashumi alithoba.

Iindaba eziphuma kwela lizwe zezokuba uNtini, usekwingxoxo kunye nabaphathi beqakamba eZimbabwe, nalapho bafuna ukuba abengumqeqeshi wabadlali abagibiselayo kwiqela lesizwe.

IZimbabwe khange iqhube kakuhle kwiqakamba kutsha nje, ingakumbi kwimidlalo yabo yokhuphiswano. Le nto ithe yakhokhelela ekubeni abalawuli beqakamba kweliya baqinise abantu abazakuthi bancedisane nomqeqeshi oyintloko, uDav Whatmore.

Ngaphandle kokuba bethe batsala uNtini, iZimbabwe isazama ukufumana omnye umqeqeshi ozakuncedisa abadlali abaqhokrayo.

Eli qela belisandula kubethwa yi-Afghanistan kuluhlu lwemidlalo yosuku olunye, kunye nomdlalo weT20.

UNtini unesakhono esihle kakhulu njengomdlali ogibiselayo, kwaye ngelixa esadlala kwiProteas udlale imidlalo yosuku olunye elikhulu namashumi asixhenxe anesithathu. Ilishumi imidlalo yeT20 athe wafumana ithuba lokudlala kuyo.

Kwirekhodi lakhe, uNtini uwise oothinti abakufutshane nekhulu kwimidlalo yovavanyo, ngelixa kwimidlalo yosuku olunye efumene oothini abangamakhulu amabini namashumi amathandathu anesithandathu.