UManyama akazinzanga ncam kwiCape Town City

ULebogang Manyama weCape Town City FC kumsitho wamawonga we-Absa Premiership umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Iimpazamo ezenziwa ngabadlali bebhola ekhatywayo ziyingozi kumakhono wabo. Bambi baye bakwazi ukuzoyisa kanti abanye ziyabacinezela.

ULebogang Manyama ngomnye wabadlali bebhola abathe benza iimpazamo bakufumana udumo – kodwa ngethamsanqa uye wahlangulwa zingekamqwengi.

Le ndedeba ixelele abantu ukuba kwabakhona ukugqwidiza eyakwenzayo ngethuba idlalela iSuperSport United kwaye ukubizelwa kwayo kwiMpumalanga Black Aces owayengumqeqeshi wayo ngalo sizini kwabuguqula ubom bakhe.

UManyama, 26, ukuthethe oku phambi kokuwola amawonga amathathu aphambili kumsitho wePremier Soccer League wokuvala isizini eSandton. Lo mdlali ufumene iR425 000 emva kokuchola-chola onke amawonga aphambili.

Emva kokuba uManyama encede iCape Town City kwisizini yayo yokuqala afake kuyo ishumi elinantathu lamagowuli – lo mdlali uye watsala umdla wamaqela amakhulu.

Akothusi oko ngoba ungumdlali ophezulu futhi onefuthe elikhulu – kodwa okubonakalayo kukuba kwenze kungabikho uzinzo kuyo.

UManyama uxelele iSuperSport ukuba usengumdlali weCity – kodwa watsho ukuba akayazi into enokwenza phambi kokuvulwa kwesizini entsha.

Ufunwa yiMamelodi Sundowns eqeqeshwa nguPitso Mosimane – indoda engazange yawugusha umnqweno wayo wokusebenza nalo mdlali. Ukuhamba kukaManyama kungayiqhokra kakubi iCity.

“Ndifuna ukubulela uMuhsin Ertugral owandicela ukuba ndiyokudlalela iBlack Aces ngethuba ndixinwe kukonzakala. Kwatshintsha yonke into ebomini bam ngalo mini. Ndenza inqwaba yeempazamo ndise kwiSuperSport. Ngoku ndikhulile noko futhi ezo mpazamo zandenza ndabujonga ngenye indlela ubomi. Siyafunda ebomini endaweni yokusoyisa,” utshilo uManyama.

Nangona kukho okokungaqiniseki – kodwa uManyama uyakuvuyela ukusebenza noBenni McCarthy njengomqeqeshi kwiCity.

Eli qela lizakufunqulwa kukufika komdlali onamava uTeko Modise otyikitywe phakathi kule veki.

pedro.mapelo@inl.co.za