UMashaba ulungiselela i2018 World Cup

Umqeqeshi weBafana Bafana, uShakes Mashaba, ujonge ukuzifumanela indawo kwindebe yehlabathi ezayo neqela lakhe njengokuba amathuba wokuya kwi2017 AFCON ethande ukushokoxeka.

Amathuba woMzantsi Afrika ambalwa emva kokuba ungakwazanga ukuphumelela nomnye umdlalo kwedlulileyo. Kwimidlalo emine iBafana Bafana ayikwazanga ukuphumelela nomnye umdlalo – lo nto ibangele uMashaba abeke iliso lakhe kwimidlalo yokulungiselela indebe yehlabathi.

Ukusukela kwi-2015 AFCON izinto azimhambelanga kakuhle uMashaba neqela lakhe kwaye nale imidlalo yokuzibekela indawo kwi2018 World Cup ayizukuba lula ngokuba iBafana Bafana iza kukhuphisana namazwe afana ne-Algeria, Egypt, Ghana, Nigeria, Ivory Coast namanye amaninzi. Zintlanu kuphela iindawo ekukhutshiswana ngazo ngamazwe ase-Afrika kwitumente yehlabathi kwibhola ekhatywayo.

“Ukuba iyasiphosa i-AFCON, kusekho imidlalo yokuzibekela indawo kwi2018 FIFA World Cup – kodwa kufuneka sigqibezele le ye-AFCON kuqala. Amathuba wethu ambalwa ngoku. Sikwimeko apho sixhomekeke kwamanye amazwe ngoku,” utshilo uShakes kumajelo eendaba. UMashaba kuvakala into ethi uncwase ukulixuba iqela lakhe kwixesha elizayo.

Ufuna ukufakela abadlali abadlalela amaqela aselula ngelilungiselela ikamva leBafana Bafana. Kusele umdlalo wesibini neGambia ekhaya neMauritana ekuhambeni.

ABafana Bafana baya enkampini kule veki apho baza kulungiselela umdlalo ophakathi kwabo neGambia ngomhla wesine kwinyanga ezayo. Kwiqela alichonge kwiveki ephelileyo, uShakes Mashaba, unabadlali abatsha nababuyisileyo.