Umdlali waseLibode uya kwiBanyana Banyana!

UMqeqeshi weqela lebhola ekhatywayo neliziintshatsheli zeSasol League, iThunderbirds Ladies, uthi unethemba lokuba umdlali wakhe uYonela Keto (20) uzakuqhuba kakuhle emva kokuchongelwa kwiqela lesizwe.

UThembalethu Aplen ukuthethe oku emva kokuba umdlali wakhe echongwe nguDesiree Ellis ukuba abeyinxalenye yabadlali abaya enkampini – apho azakulungiselela umdlalo wobuhlobo nelizwe laseSweden.

Kutsha nje, olibambela mqeqeshi kwiqela leBanyana Banyana, uDesiree Ellis ubhengeze iqela labadlali abangamashumi amabini anesithandathu (26) elizakuthi liqubisane nelizwe laseSweden kumdlalo wokuqala kulo nyaka mtsha.

Kwaba badlali kuye kwachongwa nalo mdlali (Yonela Keto) ongumdlali-siswini kwiThunderbirds Ladies FC yaseGcuwa.

Umqeqeshi weli qela * -Aplen umchaza uKeto njengomdlali odlala ngokuzimisela kakhulu ebaleni kwaye ozinikelayo ngalo lonke ixesha. Uthi lo nto imnika ithemba lokuba uzakuqhuba kakuhle nakwiqela lesizwe.

“Asothukanga ngokuchongwa kukaKeto kuba siyamazi ungumntu ozinikelayo xa edlala, kangangokuba amagowuli esiwafakayo ezipalini amaxesha amaninzi kungenxa yefuthe lakhe,” kutsho * -Aplen

Uthi le nzwakazi ezalelwe eLibode iyakwazi ukuhlasela xa iphethe ibhola kwaye ivelise namathuba wokufaka amanqaku.

Kwitumente yeSasol League National Champions ebibanjelwe eNelspruit kutshanje, uKeto uphumelele iwonga lomdlali oqaqambileyo, nto leyo echaza ukuba wayedlala kakuhle, apho wafumana ibhaso eliyi R2000.

I-Thunderbirds Ladies yabamba indawo yesithathu kula tumente, kulapho * -Ellis wambukela khona lo mdlali. Ukubizwa kukaKeto kulindeleke kukhuthaze abanye abadlali ngokutsho kuka-Apleni.

Ngale Cawe umhla weshumi elinesine, uKeto kulindeleke ukuba abeyinxalenye yenkampu yeqela lesizwe – iBanyana izakulungiselela ukudlala neSweden ngoLwesine.