Umdlalo ophakathi kweSundowns neBarcelona uvunyiwe yiPSL!

Kugqityiwe, iMamelodi Sundowna
ivumelekile ukuba idlale neqela lebhola ekhatywayo eliphambili kwilizwe laseSpain
– iBarcelona! Lo mdlalo ujongwe ngamehlo abomvu ngabantu belizwe loMzantsi
Afrika uza kubanjelwa eFNB Stadium ngomhla we-16 kuCanzibe 2018 emva kokunikwa kweDowns
imvume yi-Absa Premier Soccer League izolo. Kwiintsuku ezidlulileyo kuvele
iindaba ezithi iintshatsheli zePSL ne-Afrika, iMamelodi Sundowns, ziza kuzisa
oompondozihlanjiwe babadlali baseSpain kweli lizwe. Bekukhe kwakho
ukuthandabuzo ngalo mdlalo kuba isizini ingekavalwa ngokupheleleyo – kodwa iPSL
iye yayicacisa yonke into kwingxelo ebhaliweyo ekuqaleni kwale veki.

“Sifumene isicelo somdlalo
wobuhlobo siyiPremier Soccer League esisuka kwiMamelodi Sundowns. Lo mdlalo
uyinxalenye yemibhiyozo yeminyaka elikhulu kaNelson Mandela. Sisoloko silandela
indlela ethile xa kukho izicelo ezinje kuba asifuni kubekho uphazamiseko
kwimidlalo yePSL – kodwa esi isicelo sahlukile kwaye umdlalo uza kuxhaswa
yiNedbank eliqabane lethu norhulument. Isigqeba esilawula kwiPSL sigqibe
kwelokuba siwuvumele lo mdlalo – kodwa kugqinisekiswe ukuba yonke into ihamba
ngokwemigaqo yeCAF, iFIFA neSASREA ejongana nokhuseleko emidlalweni,” itshilo
iPSL.

Emva kwesiqinisekiso sokudlalwa
kwalo mdlalo okwiveki ezayo, kuvakele iindaba ezithi umongameli weFIFA, uGianni
Infantino, umongameli weCAF, u-Ahmad Ahmad nezinye iindwendwe ezihloniphekileyo
– nabo kulindeleke babe yinxalenye yolu suku. Ayikokokuqala iMamelodi Sundowns
idlala neBarcelona – ngoba ngo’2007, eli qela laseSpain loyisa iDowns ngo’2-1
kumdlalo owawudlalelwa eLoftus Versfeld Stadium kwisixeko saseTshwane.
Kulindeleke ukuba iBarcelona iziphathe zonke iziqwayi zayo zabadlali eziquka
uMessi xa isiza eMzantsi Afrika kwiveki ezayo.