UMkhize wonyule igqiza lokujongana nezikhalazo zakuQoboqobo

UZweli Mkhize

UMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli kuzwelonke uZweli Mkhize, uyalele ukuba kusekwe igqiza lekomiti eza kujongana neengxaki zabahlali bakuQoboqobo.


UMkhize ebetyelele kule dolophu ngoLwesine ngeenjongo zokuzama ukuza nesisombululo emva koqhankqalazo lwabahlali abakhalazela iinkonzo.

Olu qhankqalazo lwakutshanje kuQoboqobo luza emva koqhankqalazo lwenyanga yoKwindla apho kwadutyulwa umnini weeteksi uThembelani Fana, okwayinkokeli yeSANCO.

Eyona nto iphambili kwizikhalazo zabahlali bakuQoboqobo ziindlela ezingekho semgangathweni, isibhedlele esidala, izikolo ezingekho semgangathweni kwanophuhliso edolophini kwaneminye imiba.

UMkhize ubongoze abahlali esithi mabanyamezele, esithi ayizukuba yinto yosuku olunye ukulungiswa kweQoboqobo. 

Uthi uvile ukuba iQoboqobo yenye yeendawo enomhlaba otyebileyo eyayilima abantu bengadingi misebenzi.

Uthembisile ngelithi kungekudala kuQoboqobo “kuza kuqhuma uthuli” kulungiswa le dolophu, kudalwe namathuba engqesho.

UMkhize ukwadize esidlangalaleni ukuba uyabuyela ngomhla weshumi elinanye kwiveki ezayo kuQoboqobo uyokufumana iziphumo kwigqiza elo ashiyeke ethe malisekwe eliza kujongana nophuhliso kuQoboqobo.

Abahlali bakuQoboqobo oku bakuthakazelele nangona nje ngaphambili bebedize ukuba ithemba abanalo njengoko besithi baphoxwa ngusihlalo wephondo uOscar Mabuyane kwakunye neNkulumbuso yephondo uPhumulo Masualle ngokungezi nento ecacileyo.

Umhlali welali yaku-Upper Mnyameni ongafunanga kuchazwa ngagama, encokola nephephandaba uthe: “Kunini sasokola kulo Qoboqobo, salibaleka kodwa xa kuvotwa siyaziwa ngurhulumente ukuba sikhona. Edolophini asizi siyancama ngenxa yeendlela ezingentlanga. Kutheni le nto urhulumente esibhanxa khona ukuba asifundanga emane esithembisa ngeentsuku ezisixhenxe nje.”

Abahlali bathi iseluxwebhu lonyaka ka2013 olu akukabikho nto intsha etshintshileyo.