ULungisa uzakunkoloza eziseleni

CAPTION: Uceba weANC eNelson Mandela Bay u-Andile Lungisa uzakuchitha iminyaka emibini ejele UMFANEKISO: ELUGCINWENI

Uceba weANC eNelson Mandela Bay u-Andile Lungisa uzakunkoloza kwezimnyama izisele, emva kokukhatywa kwesicelo sakhe sokubhena kwisigwebo seminyaka emibini.

NgoLwesithathu, umantyi wenkundla yaseBhayi, uMorne Cannon, ugwebe lo kaLungisa iminyaka emithathu ejele, waxhoma wamnye, into ethetha ukuba uLungisa uzakuchitha iminyaka emibini eziseleni.

Ukugwetywa kwakhe kuza emva kokuba uLungisa wabandakanyeka kumlo ngethuba lendibano yebhunga lalo masipala ngenyanga yeDwarha ngo2016, apho wonzakalisa uceba weDA uRano Kayser, embetha ngejagi yeglasi enamanzi entloko.

Ewisa isigwebo sakhe, uCannon uvakalise uxelele lo kaLungisa ukuba kukho umahluko phakathi kokuzisola nesazela. Oku kusemva kokuba lo mantyi ethe uLungisa akakhange abonakalise isazela kwisenzo.

Emva kwesigwebo, amagqwetha kaLungisa enze isicelo sokubhena kwisigwebo kodwa umantyi wasikhaba.

ULungisa sele esuka kuba nguSihlalo weArhente yoPhuhliso kazwelonke (NYDA) kwanokuba lilungu lekomiti embaxa yeANC ephondweni (PEC). Ngethuba inkokeli ye-EFF uJulius Malema wayengumongameli weANC Youth League, uLungisa wayelisekela likaMalema.

Isithethi seDA eMpuma Koloni uMlindi Nhanha uthi bayasamkela esi sigwebo. “Siyothulela umnqwazi inkundla ngesigwebo esinike uMnu. Lungisa. Ethembeni lokuba iANC iyakufunda ukuhlonela umthetho,” utshilo uNhanha.