Umhlalutyi uyiqhwabela izandla iMamelodi Sundowns

Owayefudula engumdlali woMthatha Bush Bucks neMamelodi Sundowns, uSipho Ndzuzo, usiqhwabela izandla isigqibo esithathwe ngabaphathi beDowns sokunika uPitso Mosimane isivumelwano esitsha seminyaka emine.

Iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League zivuselele isivumelwano sikaJingles kwiveki ephelileyo ngeminyaka emine yonke emva kokuzuza iindebe ezimbini kwisizini ephelileyo.

Ibinqabile ke kambe into yokunikwa kwethuba elingaka ngamaqela amakhulu apha eMzantsi Afrika.

Kwelinye icala esi sigqibo sithathwe yiMamelodi Sundowns sibonisa ukutshintsha kwabaphathi bamaqela amakhulu ababethanda ukuqesha abaqeqeshi abasuka kumazwe angaphandle ubukhulu becala.

Ukuqeshwa kukaPitso leli qela lasePitoli kubenefuthe elimandla kwibhola ngoba emva kokuba lenze njalo – nayo i-Orlando Pirates inike ithuba * -Eric Tinkler ohleli iminyaka emibini. Emva kwakhe kulandele uSteve Komphela kwiKaizer Chiefs.

UNdzuzo ukubona ukunikwa kukaPitso iminyaka emine njengeyona nto intle futhi ebafaneleyo abaqeqeshi balapha eMzantsi Afrika.

“Intle le nto ngoba ibonisa ukukhula kwicala labaqeqeshi bethu apha ekhaya. Kubalulekile kakhulu ukuxhaswa ngokupheleleyo kwabaqeqeshi balapha eMzantsi Afrika ngabaphathi bamaqela adlala kwiPSL. Emva komsebenzi omhle awenzileyo uPitso, ngoku iSundowns ifuna ukumnika ithuba lokuza nendebe yeCAF. Ukuze izinto ezinjalo zenzeke, kufuneka amaqela anike abaqeqeshi ixesha elaneleyo nenkxaso epheleleyo,” utshilo uNdzuzo kweli phephandaba.

Isigqibo seMamelodi Sundowns sifanelekile ngoba kule minyaka mithathu idlulileyo, uJingles, uphumelele iindebe ezine zonke. Iindebe ze-Absa Premier Soccer League zimbini, zilandelwa yiNedbank Cup neTelkom Knockout.

Ngumsebenzi lo mqeqeshi owayefudula eqeqesha iqela lesizwe awenze ngexeshana nje elingephi. Uyibuyisele phezulu kwindawo yayo iSundowns kwibhola yoMzantsi Afrika.

Enye into ephambili ngoku kwiDowns kukudlala kakuhle kwiCAF Champions League kulo nyaka nakunyaka ozayo.