Umlandeli weChiefs ezityand’ igila ngokwenzekayo kuKaizer Motaung

Mandisile 'Shooz' Lindi

Ndiyathemba le ncwadi uya kuyifumana ukwimo encomekayo ngokwasempilweni, Mnu. Chincha Guluva – ngqondo-ngqondo webhola ekhatywayo, esizingcayo nesiyithandayo esiya kuhlala siyithanda ngomoya woxolo nanjengoko besithi: KHOSI FOR LIFE.

Ndibhala le ncwadi ndibuhlungu ngemeko yaMakhosi mvanje. Ndiyaqonda sikhe sakhunjuzwa izihlandlo eziliqela ngokuba ilishishini lekhaya kodwa ndivumele ndikhuphe le nto isesifubeni kum; kuba andizange ndilikhethe eli qela ukulithanda kodwa lilo elikhethe mna. Ithi lo nto ndinelungelo lokuthetha. Apha ngezantsi zezinye zezi zathu endicinga ukuba zenze iChiefs yaba ‘lelinye nje iqela’ phakathi kwamanye. Kulo ndisithi nceda Sihlalo

Mqeqeshi – bakhona abaqeqeshi abanesakhono sokuqeqesha kumaqela amancinci kodwa oko akubenzi babalasele kuwo onke amaqela. UMoyes ngumzekelo; nawe wenze lo nto ngethuba uchonga umqeqeshi othembisayo endaweni yokuchonga umpondo-zihlanjiwe. Ukusebenzisa amagama amakhulu eencwadi zesiNgesi akuphumeleli midlalo. Ebholeni, ubonakala ngezenzo – hayi ngokuthetha. Ngethuba usihlalo wayesithi babini kuphela abaqeqeshi balapha ekhaya abangaqeqesha iChiefs nePirates, ngoku kuselubala ukuba uSteve Komphela wayengekho kuloo magama.

Ngoku yintoni ayibeke etafileni emenza ukuba abe kolu luhlu? Ukuthula kukaSihlalo – uMnu. Kaizer Motaung kuyasibetha, izingqi zakho mazivakale. Ukuthula kwakho kuyavakala kubalandeli. UBobby Motaung uyadakasa; ewe siyayazi, akazange avotelwe kwesa sikhundla asibambileyo – kodwa uphendula kuwe Sihlalo.

Ilizwi lakho malivakale; izingqi zakho mazivakale. Phakama uvuse eli qela likhulu. Bathi ukuthula lelona khubalo kodwa ebholeni umgama awubohluli abantu – kodwa inzolo iyakwenza oko. Siyakucela ubuyisele eli qela silithandayo endaweni yalo.

Inkqubo yokuthengwa kwabadlali – andithi kukho into etenxileyo ekutyikityeni abadlali abangenamaqela kodwa asikuqhwabeli ukutyikitya nawuphi na uthathatha kwiqela elifana neKaizer Chiefs noba umfumana engumvundla ofileyo okanye uhlawula iintyweka zemali. Igama leli qela liyazichaza – ‘GLAMOUR BOYS’. Kodwa kutheni usiphathela abadlali abakude le kwesi sikhahlelo? Luxinizelelo, kulahleke ukuzingca okanye kukuthenga kuba utyhalw’emva?

Abanye bathi eli qela alisenamali, kodwa andivumi. Ukuba iimeko zinjalo, abalandeli baMakhosi bakulungele ukuzijul’ijacu, benze inkazathi ukuba eli qela likwazi ukuthenga abadlali abakumgangatho ophezulu. Ukuba iqela elifana neBaroka FC lingaxolela ukuya kuqongqotha ibhanka ngenxa yomdlalo (kungekuba ndilidelele) kutheni iqela elifana neChiefs lingenakwenza oko?

IChiefs ligama elaziwayo kwihlabathi ngokubanzi; ithi lo nto masiyibethelele apha entloko ukuba umdlali othengiselwa eli qela liza kuxhonywa ixabiso lakhe; nanjengoko nabaxhasi bekhetha ukuxhasa lona ngemali kuneqela elincinane. Siyiqonda kakuhle ukuba lishishini losapho; kodwa nathi siyinxalenye yosapho lwamakhosi ngokuba ngabaxhasi. Sesiqhelile ukuba ziintshatsheli (oompetha) hay nje ukuphumelela (abanqobi). Asizokuthula de sibuya kwakho isidima nesithozela seli qela.

Uthando noXolo – Ukuthula noXolo – Love & Peace

Izimvo zikaMandisile ‘Shooz’ Lindi