UMngqithi uthi ixhala phantsi kuMaSandawana

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uManqoba Mngqithi, uthi mabathobe umoya abalandeli ngoba akukonakali nto. Oku ukuthethe emva kokuba iSundowns idlale ntanganye neSwallows ngo’1-1 kutshanje. Lowo ibingumdlalo wesithathu iSundowns ingaphumeleli. Ibaxhalabisile lo nto abalandeli abaninzi ngoba ikhe yaqhuba kakuhle ixesha elide ekuqaleni kwesizini futhi ithe qelele ngamanqaku kwamanye amaqela.

Ukungaphumeleli kwayo iSundowns kube kubi ngoba kunike iSuperSport United ithuba lokulingana nayo ngamanqaku angamashumi amabini anesixhenxe noxa yona ihleli kwindawo yokuqala. “Alikafiki ixesha lokuba sixhalabe sizive ngathi silahle amanqaku emidlalweni yethu ngoba asidlali namaqela alula. Sidlalile neSuperSport ekhuphisana nathi. Sidlalile neSwallows ephikisana nathi neCeltic ebikhe yasibetha kwiMTN8. Mna ndingathi abantu mabathobe umoya ngoba sisesekhondweni elihle,” utshilo uMngqithi.

ISundowns inabadlali abangekhoyo ngenxa yokonzakala. UMngqithi ucinga ukuba inefuthe lo nto kwindlela iqela eliqhube ngayo emidlalweni emithathu egqithileyo phambi kwalo ubuphakathi evekini. “Abadlali esiqhele ukubadlalisa abekho kodwa into ebalulekileyo asikabethwa kule sizini. Siyakufuna ukuyiphumelela yonke imidlalo kodwa abalandeli mabangaxhalabi. Senze iinguqu ezininzi kwaye abadlali bayaqala ukuqhela ngoku,” utshilo uMngqithi.

AmaSandawana amkela iChippa United emdlalweni weDStv Premiership omkhulu emalanga ngeCawe eLoftus Stadium. Emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni emithathu ilandelelana, ngakumbi emva kokubetha iBlack Leopards ngo’3-0, iChippa izimisele ukulwa ukuze isondele okanye ingene kwiTop 8. Umdlalo uza kuba nomtsalane ngoba omabini amaqela afuna ukuphumelela.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: AmaZulu vs Stellenbosch @Kings Spark Stadium, 17:00

Mgqibelo: Orlando Pirates vs Kaizer Chiefs @Orlando Stadium, 15:30; SuperSport United vs Swallows @Lucas Moripe Stadium, 17:00; Bloem Celtic vs Tshakhuma Tsha @Dr Molemela Stadiu, 17:00; Golden Arrows vs Maritzburg United @Sugar Ray Xulu Stadium, 17:00; Black Leopards vs TS Galaxy @Thohoyandou Stadium, 17:00

Cawe: Mamelodi Sundowns vs Chippa United @Loftus Stadium, 15:30; Baroka vs Cape Town City @Peter Mokaba Stadium, 15:30