UModric ngumdlali ophum’izandla nangona waxikixwa ziimfazwe esakhula

Luka Modric of Croatia (R) misses the ball during the FIFA World Cup 2018 semi final soccer match between Croatia and England in Moscow, Russia, 11 July 2018. By: FELIPE TRUEBA / EPA

Nokuba kuphumelela
eliphi na ilizwe phakathi kweCroatia neFrance ngentsimbi yesihlanu emalanga eLuzhniki
Stadium – kodwa kukho umntu ongasozwe alityalwe ngabalandeli bebhola ekhatywayo
kwindebe yehlabathi yalo nyaka. Lowo mdlali ngumtshini ozitshintshayo, umavula nokuba
kuvaliwe – uLuka Modric. Le ndedeba (32) ngumdlali ophume izandla kwibhola
ekhatywayo futhi owenze indima enkulu kakhulu kwimimdlalo yelizwe layo eRussia –
 apho imizamo yayo iqinisekise ukuba
iqela lonke lidlala libambisene, ngokuzimisela okukhulu futhi liyaphumelela
ngamaxesha onke. Ibingengomsebenzi olula konke konke – kodwa ngoba nguLuka
Modric, umdlali weReal Madrid
yaseSpain owafumena amava ukusukela kwiitumente adlale kuzo ukusukela ngo-2006
(eGermany) eyalandelwe yebiseBrazil ngo-2014 emva kokungakwazi kweCroatia ukuza
eMzantsi Afrika ngo-2010 – izinto ziye zenzeka.

   Image may contain: 2 people, people playing sports and outdoor

Kwimidlalo
emithandathu edlalwe yiCroatia kwindebe yehlabathi ka-2018 eseRussia, uLuka Modric
ufumene amawonga amatyeli amathathu, kuloo midlalo ufake amagowuli amabini. Lo
nto uchaza ngokuthe ngqo indoda ezinikeleyo emsebenzini wayo nesoloko
iqinisekisa ukuba ilizwe layo lifumana iziphumo ezincumisayo. Omnye wemidlalo awaziqaqambisa
kuwo uModric ubuphakathi kwelizwe lakhe ne-Argentina (kwiiveki ezimbalwa
ezidlulileyo) ekwakucingwa ukuba iya kuhamba iphakamisele phezulu indebe yehlabathi
ngenxa yabadlali abadumileyo eye nabo eRussia abafana noMessi no-Aguero. Kuloo
mdlalo, uModric wafaka igowuli elihle – zatsho zohlukana izimvo neembono zabantu
ngoyena mdlali oyakuthi athathe iwonga eliphambili lomdlali oqaqambileyo
kwindebe yehlabathi.

Ayilotyeli
lokuqala uModric esiya kwindebe yehlabathi enethemba lokuthatha iCroatia ayibeke
endaweni ephezulu – kodwa kulo unyaka, ithemba likhona futhi liqinile
kunangaphambili ngoba namhlanje kukokuqala ibandakanyeka kumdlalo wokugqibela
kwindebe yehlabathi. Ngo-2014, uModric wayengumdlali oselula, kangangokuba
wadlala kwimidlalo nje emibini phambi kokubethwa kwelizwe lakhe yiMexico ngo’3-1
lingahambanga mgama omde xa kuthelekiswa nendlela eliqhube ngayo kulo nyaka. “Iinkumbulo
zam ngokwenzeka eBrazil azimnandanga. Zange ndidlale kakuhle. Mhlawumbi
ndabethwa kukudinwa emva kwesizini eyayinde. Ngoku xa ndijonga iitumente
endidlale kuzo; ndiye ndibone indlela embi endadlala ngayo kuzo,” ucatshulwe ethetha
loo mazwi uModric yiFourFourTwo Magazine.

Ekukhuleni
kwakhe, igama lakwaModric lalingadumanga kwaye wakhula nzima ngoba yena
nabazali bakhe kwanyanzeleka ukuba bangcucalaze ngenxa yodushe okanye iimfazwe ezazidlakaza
iCroatia kwimizamo yayo yokufumana inkululeko. Usapho lakwaModric lwafudukela
embindini weYurophu kwindawo ekuthiwa yiZadar. Kulapho kanye le ndedeba edlalela
iqela elikhulu kwihlabathi iReal Madrid
nesecicini lokuphumelela indebe yehlabathi eyaqala khona ukukhaba ibhola
ezitalatweni. “Sasihlala sisoyika – yeyona nto endiyikhumbulayo leyo. Kwakusoloko
kusitsho izithonga zeziqhushumbisi nezigcayiseli ezintabeni zendawo esasihlala
kuyo. Ngamanye amaxesha ezo zinto zazisiwela endaweni esasidlala kuyo. Ibhola
ekhatywayo yeyona nto eyayisilibalisa ekwenzekayo ebomini bethu,” utshilo
umqeqeshi weNK Zadar, uTomislav Basic, owayengumqeqeshi kaModric eselula
kwinqubo kamabonakude kutshanje.

   Image may contain: 1 person, text

ICroatia lilizwe
elincinane, elinabantu abakwizigidi ezine nesiqingatha qha (4.5 million) –
kodwa abadlali balo, abaquka uLuka Modric, bazimisele ukulibeka endaweni entle
phakathi kwezizwe namhlanje. Ukudlala neFrance yinto ezakuba nzima kakhulu
kwiCroatia – kodwa ingayifumana impumelelo ukuba ikwazile ukudlala ngendlela
yayo yesiqhelo. Kutshanje iCroatia ibethe iNgilane ngo’2-1 neRussia ngokulandeleana.
Ukubetha iNgilane yenye yezinto ezibangele uModric noogxa bakhe babe kwindawo
abakuyo namhlanje kuba besithi zange bayithande indlela abajongelwa phantsi
ngayo ngamajelo endaba nabantu baseNgilane. “Iintatheli zaseNgilane
beziyijongela phantsi iCroatia. Sazixelela ukuba sakubona ukuba ngoobani abaza kudinwa
kuqala. Kufanele babahloniphe abantu abadlala nabo. Umdlalo sawuphumelela –
kodwa kwakufunale ukuba siwusonge kwakwimizuzu engamashumi alithoba,” watsho
uModric kwiintatheli emva kokuba ilizwe lakhe libethe iNgilane.

Umqeqeshi weCroatia,
uZlatko Dalic, wayivuyela impumelelo eyazuzwa lilizwe lakhe kwiNgilane kakhulu
watsho esithi ilizwe lakhe lafumena impumelelo kufanelekile. “Sikufanele ukuba
kumdlalo wamagqibelakankqoyi. Abadlali bethu badlale ibhola ephucukileyo
kakhulu. le tumente iya kuphunyelelwa liqela elomeleleyo. Kule tumente
siphumelele imidlalo emithathu (kuyo yonke) silandela ngasemva kuyo. Kwilizwe
elincinane njengeCroatia, yimbali eyakuhlala ihleli leyo,” watsho uDalic emva
kokubetha iNgilane.