Umqeqeshi weDowns uthe zava emalini

Umqeqeshi weDowns uPitso Mosimane

Emva kokutyikitya isivumelwano esitsha seminyaka emine, umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso “Jingles” Mosimane, uthe zava emalini.

Nangona uJingles ebesoloko esithi ukuxinga kweengxoxo phakathi kwakhe nabaphathi bakhe akubangelwa yimali ukusukela ekuqaleni konyaka, kodwa uPatrice Motsepe uthe uza kufumana imali ethe xhaxhe.

Iingxelo zithi uPitso wamkela imali engaphaya kwesigidi seerandi (R1-million) ngenyanga. Lo nto imenze abe ngomnye wabaqeqeshi abamkela kakhulu ebholeni yezwekazi leAfrika.

“UPitso akalweli ukuzuza indebe yePSL nje kuphela. Ngoko ke akakwazi ukwamkela imali elinganayo nabaqeqeshi balapha eMzantsi Afrika. Ukhuphisana nabaqeqeshi beAfrika nehlabathi. Yiyo lo nto ndithe makufunwe imali ebhankini. Akakwazi ukwamkela imali awayeyifumana phambi kokuzuza indebe yeCaf Champions League,” utshilo uMotsepe ethetha neentatheli.

UPitso, 55, utyikitye isivumelwano esitsha emva kwexesha elide ngenxa yokungaboni ngasonye nabaphathi bakhe, kodwa uMotsepe ukhanyele ukuba bekukho ingxaki.

“Bekungekho ngxaki kwaphela. Ukuba iSundowns ibingamfuni (uPitso) ngekudala samxelelayo. Naye ukuba ebengakufuni ukuhlala kuyo, ngekudala safaka umntu endaweni yakhe. Kubalulekile ukubabhatala kakuhle abantu bethu ngoba ngabo abasenza ngcono. Ngeke sikwazi ukukhuphisana nabanye oompondozihlanjiwe beAfrika ngaphandle kwabasebenzi bethu abasemgangathweni ophezulu,” utshilo uMotsepe othe ufuna uJingles abe nguSir Alex Ferguson weqela lakhe.

Usamkele ngovuyo uPitso isibhengezo esenziwe nguMotsepe nangona wayesoloko esithi imali ayisinto ephambili kuye.

“Indlela endivuzwe ngayo ilingana neyabaqeqeshi abaphambili eAfrika. Ndiyisebenzele le nto eminyakeni esixhenxe egqithileyo. EYurophu, abaqeqeshi bamkela iimali ezivuthiweyo bengekasebenzi,” utshilo uPitso.

Ziindebe ezilithoba ezizuzwe nguPitso eminyakeni esixhenxe, phakathi kwazo kukho iChampions League neSuper Cup. Kodwa akuphelelanga apho ngoba ugxeleshe ezinye iindebe.

“Isizathu esibangele ndihlale kwiDowns kukuba umongameli uyandithemba. Ndizimisele ke ukwakha iqela elomeleleyo neliza kugqogqisa iAfrika. Ndifuna indebe yeMTN 8 kodwa okubalulekileyo kwiSundowns kukuba kufuneka ilwele iindebe apha ekhaya idlale nemidlalo yeCaf,” utshilo uPitso.