UMuhsin uthembele kuNdoro

UMuhsin Ertugral ongumqeqeshi we-Orlando Pirates no Tendai Ndoro we-Orlando Pirates kumdlalo weTelkom Knockout Last 16 match

Iqela laseNtshona Koloni, i-Ajax Cape Town, lixakekile kakhulu njengokuba kuvulwe ithuba lokuthengwa nokuthengiswa kwabadlali yiPSL ekuqaleni kwale veki.

Phambi kokuphela kuka-2017, i-Ajax ibhengeze uMuhsin Ertugral njengomqeqeshi wayo omtsha emva kokugxotha uStanley Menzo owayengene endaweni kaRoger de Sa kwisizini ka-2016/17. Ekugalelekeni kwakhe * -Ertugral, wothuse abantu abaninzi ngokuthi atyikitye ifolosi yaseZimbabwe, uTendai Ndoro, obedlalela iqela laseSaudi Arabia.

UNdoro, owazibalula ngokufaka amagowuli ngokungenambaliso kumaqela ohlukeneyo eMzantsi Afrika, washiya i-Orlando Pirates phambi kokuqala kwale sizini ngelizama ukukhulisa ikhono lakhe lokudlala ibhola kwenye indawo.

Ukususa i-Ajax kwindawo embi ehleli kuyo kwiPSL kwisigaba sesibini sesizini ngeke ibe yinto elula kwaphela – kodwa umqeqeshi omtsha uqinisekile ukuba angayisindisa ezembeni ingekapheli le sizini.

UMuhsin Ertugral unethemba lokuba ubukhali bukaNdoro phambi kweepali kungayihlangula i-Ajax emlonyeni weengonyama.

“Ukufumana umdlali okwizinga eliphezulu njengoNdoro xa ungumqeqeshi kuyakhuthaza kakhulu. Ndinethemba lokuba uzakwenza umsebenzi omhle,” utshilo * -Ertugral kwingxelo ekhutshwe yi-Ajax kutshanje.

“Ndiyakuvuyela kakhulu ukusebenza nalo mdlali kwakhona. EMzantsi Afrika angafika abengumdlali ophambili nakweliphi na iqela kwaye ndiqinisekile ukuba uzakusinceda. Ndonelisekile bubukho bakhe apha kwaye ndiyababulela nabaphathi beqela ngokuqinisekisa ukuba udlalela i-Ajax,” utshilo * -Ertugral.

UNdoro uqhube kakuhle kakhulu ngethuba esebenza no-Ertugral kwiMpumalanga Black Aces nakwiPirates. Izinto zamhambela kakubi kwakuhamba lo ka-Ertugral.

NgoLwesihlanu ngentsimbi yesibhozo ebusuku, i-Ajax yamkela iMaritzburg United kumdlalo wePSL wokuqala kulo nyaka eCape Town Stadium. Kunyanzelekile iqela lika-Ertugral liphumelele kumdlalo osekhaya ukuba lizimisele ngokuphepha izembe.