UMzantsi Afrika uqhuba kakuhle kwiCommonwealth Games

UMzantsi Afrika uqhuba kakuhle kakhulu kwiCommonwealth Games zalo nyaka, ingakumbi kwicala leegolide.

UCaster Semenya wenze ezibukwayo eAustralia ngethuba ezuza imbasa yakhe yokuqala yeGolide kwiCommonwealth Games. USemenya uphumelele ugqatso lwe1500 yeemitha kwimizuzu emine [4:00.71], elona xesha lakhe lalincinci kwimbali yoMzantsi Afrika.

Impumelelo kaSemenya ithathe iimbasa zoMzantsi Afrika yazibeka kumashumi amabini ananye; zilithoba iiGolide, zintandathu iisilivere neebronzi. USemenya uthi kukhe kwanzima ekuqaleni komdyarho: “Bekunzima ekuqaleni kulo mdyarho, kodwa ndiyavuya ukuba ndiye ndakwazi ukuphumelela ekugqibeleni.”

OkaSemenya kulindeleke abaleke kumdyarho we-800m ngentsimbi yesine ngentseni namhlanje, uzakube esilwela indawo kumdyarho wamagqibela kankqoyi ozokubangoLwesihlanu. Indadi ehamba phambili kwihlabathi, uChad Le Clos, iphumelele iimbasa zane kule midlalo; iiGolide zintathu neSilivere enye. Inenekazi eliyindadi uTartjana Schoemaker, uzuze isibini sembasa,uCameron Van der Burgh uphumelele yanye.

Yena uAkani Simbine ubeyimbaleki yokuqala eMzantsi Afrika ekwazileyo ukuphumelela imbasa yeGolide kumdyarho we100m, ulandelwe nguHenrico Bruintjies ofumene isilivere. Ezinye iimbasa zizuzeke kwiBowling, esinye isininzi size neendadi.

UMzantsi Afrika ukwindawo yesihlanu kwicala lokuqokelela iimbasa ezininzi kwiCommonwealth Games. Indawo yokuqala ibanjwe yiAustralia ineembasa ezilikhulu elinamashumi amathathu, ilandelwa yiNgilane ekwindawo yesibini ngezingamashumi asixhenxe anesine, kwindawo yesithathu iIndiya ilandelwa yiNew Zealand.