UMzantsi Afrika uthe ngcu phezulu kwiqakamba yehlabathi!

The winning South African team after the fifth 2017 Momentum ODI game between South Africa and Sri Lanka at Centurion Park, Pretoria on 10 February 2017 © Christiaan Kotze/BackpagePix

Umbutho olawula iqakamba eMzantsi Afrika, iCricket South Africa, uzihalalisele iiProteas emva kokubuyela kwindawo yokuqala kuhlabathi kwicala leqakamba. Oku kwenzeke emva kokuba iiProteas zivuthulule iSri Lanka ngo’5-0 kuchunge-chunge lemidlalo ebibanjelwe eMzantsi Afrika.

“Lo unyaka mhle kakhulu kuthi ngokulinganayo nembali yethu kwimidlalo ye-ODI Cricket,” itshilo ingqonyela yeCSA, uHaroon Lorgat.

“Unyaka uphelile ngqo ngoku ukusukela iqela lethu labuyela kwindlela elalidlala ngayo yesiqhelo. Umsebenzi walo uyancomeka kakhulu, libuyele esimeni salo iqela kwaye kuye kwagqama nabadlali bethu kakhulu. Ukuphumelela imidlalo elandelelanayo ngolu hlobo yinto engafane yenzeke lula, thina siyenze izihlandlo ezibini ngethuba sidlala ne-Australia neSri Lanka – iintshatsheli zengaphambili kwihlabathi. Oku kwenzeka kakuhle sisiya kutyelelo lwaseNew Zealand, e-Australia nemidlalo ye-ICC Champions,” utshilo uLorgat.

“Sithi halala kukapteni weli qela u-AB de Villiers, ukapteni olibambela, uFaf du Plessis, umqeqeshi uRussel Domingo nabaphathi bonke beqela ngokwenza umsebenzi oncomekayo. UDu Plessis udlale kakuhle kakhulu, kangangokuba ngoku ungumdlali wesibini owenze imitsi engamakhulu amane (400) elandela uHashim Amla kwimidlalo ye-ODI. Silinqwenelela okuhle kodwa iqela njengokuba lisendleleni esinge e-Australia,” utshilo uLorgat.