UMzantsi Afrika uvula indebe yehlabathi uqhwalela

Abadlali boMzantsi Afrika, uDale Steyn noImram Tahir, belumana iindlebe emdlalweni weInternational T20 eNewlands Cricket Ground kutshanje umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Ngentsimbi yeshumi elinanye emini namhlanje (Lwesine), uMzantsi Afrika uza kungquzulana neNgilane emdlalweni wokuvula iNdebe yeHlabathi yeqakamba uqhwalela kwibala ekuthiwa yiThe Oval.

Abalandeli balindele iProteas yenze umsebenzi ongcono kakhulu kweli ityeli kunendebe egqithileyo. Into efunwayo eMzantsi inye, yiNdebe yeHlabathi kuphela.

Emva kokuqhuba kakuhle phantsi kwesandla sikaOttis Gibson, othath’iintambo kunyaka ophelileyo – kukho ithemba lokuba uMzantsi Afrika uyakuthi uzibonakalise phakathi kwezinye izizwe okokuba usatshotsh’entla kwiqakamba yehlabathi.

Akukho nokuncinci ukuthandabuza, amakhwenkwe kaGibson alazi ngokupheleleyo uxanduva analo futhi nokufunekayo kuwo.

Umqeqeshi ubhengeze iindaba ezimbi ekuqaleni kweveki ezithi uDale Steyn ngeke akwazi ukudlala namhlanje ngenxa yokonzakala egxalabeni.

USteyn, 35, wonzakala emdlalweni weIndian Premier League kwaye akakwazanga ukuthatha inxaxheba emidlalweni yokucweya ebiphakathi kweProteas neSri Lanka neWest Indies.

UGibson uxelele amajelo eendaba eNgilane okokuba asikho isizathu esinokubangela angxamele ukusebenzisa uSteyn engekaphili ncam ngoba iNdebe yeHlabathi iza kuthatha iiveki ezintandathu zonke.

“UDale akakulungelanga ukudlala okwangoku. Yena uza kakuhle kodwa sithe masingamngxameli ngoba itumente iza kutsala ixesha elide. Sizimisele ukumnika ithuba ukuze akulungele ukudlala ngokupheleleyo kodwa ndiyathemba uyakube ekhona xa sidlala neIndia ngoLwesithathu weveki ezayo. Silibonile ibala esiza kudlalela kulo. Sicinga ukuba uChris Morris, uAndile Phehlukwayo noDwaine Pretorius bangavala indawo kaSteyn,” utshilo uGibson.

Umqeqeshi weProteas uthi ikhona into eza kwenzeka kwiNdebe yeHlabathi oyakuhlala ukhunjulwa ngayo uMzantsi Afrika.

“Ukudlala iqakamba eNgilane kusoloko iyinto emnandi kwiqela elindwendweleyo. Ndeza apha neWest Indies ngo’95. UMzantsi Afrika usoloko ukonwabela ukudlalela apha. Kumnandi ukudlalela iNdebe yeHlabathi apha,” utshilo uGibson othi ukungabonwa kweProteas njengeqela elinokuthatha indebe yehlabathi yeyona nto eza kuyinceda.

“Nokuba kwenzeke ntoni emdlalweni omnye sisenemidlalo elithoba phambi kowokugqibela. Ukuvula iNdebe yeHlabathi neqela eliphambili yinto enkulu kuthi ngoba yeyona nto eza kusibonisa izinto emasizenze kwimidlalo elandelayo,” utshilo uGibson.