Unethemba lokubuya neembasa eziliqela uMzantsi Afrika

UCaster Semenya, Akani Simbine, Anaso Jobodwana, Wayde van Niekerk noClarence Munyai baphakathi kwabadlali abaza kuphakamisa iflegi yoMzantsi Afrika ezakudlalelwa eRio kwinyanga ezayo.

Le midlalo izakudlala ukusuka ngomhla wesihlanu ukuya kowamashumi amabini ananye kweyeThupha. Kongezwe abadlali abalikhulu neshumi elinesithathu kwiqela langaphambili, le nto ilandela emva kokuba abadlali bekwazile ukwenza ixesha lokuya eRio phambi kokuba kuvalwe.

Le nto ithetha ukuba balikhulu namashumi amathathu anesixhenxe abazakuthatha inxaxheba kwimidlalo yaseRio.

Ezinye iimbaleki ezifana noSemenya, uWenda Nel, uWayde van Niekerk noStephen Mokoka bachongwe ukuba bathathe inxaxheba kwintlobo ezimbini zokhuphiswano, kodwa baza kunika ingqwalasela ezo babalasele kuzo.

Umongameli weSASCOC, uGedeon Sam, uvuyisene nabo batyunjiweyo bazakuya kumela uMzantsi Afrika. “Nonke nikusebenzele ukufumana eliwonga lokuya kumela isizwe . Sinethemba lokuba nizakufika nigqwese kule midlalo. Ukuya kwimidlalo ye-Olimpiki liphupha nakowuphi na umdlali. Hambani niyokumela ilizwe nizimisele ngeyona ndlela.”

Iyakuba zindaba ezimnandi kwinzalelwane yalapha eMpuma Koloni ukutyunjelwa ukuya eRio. Le mbaleki ibikhe yakhathazwa kukwenzakala kwaye ibileqa ixesha ukuba xa kufika le midlalo yaseRio ibe ikulungele ukubaleka kwakhona.

Ezinye iindaba ezifike zothusa kukungafakwa kukaBrian Habana noSiviwe Soyizwapi kubadlali beSevens abazakuya kwi-Olimpiki. Umqeqeshi uNeil Powell kubonakala ngathi ukhethe abadlali abangakhange bacingelwe ubukhulu becala.

UCaster Semenya kulindeleke ukuba enze ezibukwayo eRio, ingakumbi emva kwendlela aqhube ngayo kumalungiselelo akhe apha ekhayeni.