Ayiqumbanga ikwiqondo lokugqibela i-Ajax Cape Town lungenelelo lwabantu kwimiba ephakathi kwayo ne-Orlando Pirates. Oku kuvele kwingxelo yembalelwano ekhutshwe yi-Ajax ngoLwesini ngorhatya.
Abaphathi be-Orlando Pirates kuvakala iindaba ezithi bazama ngako konke okusemandleni ukujika ingqondo yomdlali ofuna ukuya kwiMamelodi Sundowns. Igama lalo mdlali kuthethwa ngaye ngu-Abbubaker Mobara. Kwiveki ephelileyo AmaBhakaniya anconywe lilizwe lonke emva kokuba ebhengeze ukutyikitya kwawo uMobara noRiyaad Norodien. Ekuqaleni kwale veki kuthe gqi qhaphu iingxelo ezithi uMobara akakavumelani ngemibandela yakhe nePirates, kwanga- xeshanye kwavakala into ethi lo mdlali elona qela afuna ukuya kulo yiSundowns.
Ugqirha Irvin Khoza wenza isibhengezo kwiveki edlulileyo emva kokuvumelana kwiingxoxo ngothengiselwano phakathi kwakhe neqela laseKapa, i-Ajax Cape Town. Lo mdlali ngomnye wabadlali abaveliswe yinkqubo ye-Ajax evelisa abadlali abacolekileyo kwaye uthe wadlala ngendlela encomekayo kwisizini ephelileyo. Lo nto itsale umdla wabaqeqeshi bamaqela esizwe.
Yiyo lo nto kwiveki ephelileyo ebeyinxalenye yeBafana Bafana ephumelele indebe yeCOSAFA ityeli lesine.
Ngaphandle kwamathandabuzo iDowns ibona esi siquququ njengoyena mdlali ochanekileyo onokuthi avale indawo kaRamahlwe Mphahlele otyikitywe yiKaizer Chiefs ekuqaleni kwale veki.
Umanejala walo mdlali udize ukuba ngokwenene iSundowns ithethile ngeenjongo zayo zokufumna lo mdlali. Njengokuba kukho eso siphithiphithi sokungaqiniseki ngokutyikitywa kwalo mdlali, kuvakala ukuba iiSea-Robbers zizimisele ukudibana nomdlali kungekudala ukuze kuboniswane ngezinto ezifunayo.
IPirates ibhengeze uMuhsin Ertugral njengomqeqeshi ozakuthi angene endaweni ka-Eric Tinkler oye kwiMpumalanga Black Aces eyiCape Town FC ukusukela izolo. Ngaphandle kwaba badlali babini, iBucs, kulindeleke zamkele abadlali abafunwa nguMuhsin, iphinde yazise abadlali ebakhululayo phambi kwesizini entsha.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo