Unikwe imiqathango engqongqo uVladislav!

UVladislav Heric ongumqeqeshi weCape Town All Stars umfanekiso: Chris Ricco/BackpagePix

KunyanzelekE azibambe ziqine zisuka umqeqeshi omtsha weChippa United, kungenjalo – naye angazibona etsiba umgubasi.

UVladislav Heric, 50, uqale ngoMvulo wale veki ukusebenza njengomqeqeshi weChippa emva kokuba igxothe uTeboho Moloi obengumqeqeshi oyintloko ukusukela kunyaka ophelileyo.

UMoloi uchithwe ngabaphathi beChippa United emva kokuba ibethwe yiCape Town City ngo’2-0 kumdlalo wePSL obuse-Athlone Stadium kwiveki ephelileyo nasemva kothotho lwemidlalo ingaphumeleli.

Ekuqaleni kwesizini, usihlalo weChippa United, uSiviwe Mpengesi, wathi ufuna iqela lakhe lifumane indawo kwiTop 8 xa kuphela isizini.

Kubekho ukungaqiniseki ngalo mbono emva kokuba eMoloi engakwazanga ukuphumelela imidlalo engaphaya kwesithandathu.

Lonke olo xanduva lithiwe ntimfa kuHeric ngoku, kanti kukho neNedbank Cup efuna ukuqhuba kakuhle kuyo iChippa.

Isivumelwano sikaHeric siphelelwa xa kuphela isizini – kodwa uMpengesi ucinga ukuba yeyona ndoda isifaneleyo isikhundla sokuqeqesha iChippa United.

“Besifuna umntu olaziyo iqela nezinto elizifunayo. Usifanele esi sikhundla uHeric ngoba nguye owasinyuselayo kwiPSL ngo2014. Khange ndithandabuze konke konke futhi siyamamkela. Sinomnqweno wokudlala ixesha elide kwiNedbank Cup – kanti siyakufuna nokungena kwiTop 8 xa kuphela isizini. Okwethu kukumnika yonke inkxaso ayidingayo,” utshilo uMpengesi ethetha ngoHeric.

Umsebenzi onzima kaHeric uqala ngoMgqibelo xa iChippa idlala neFree State Stars kumdlalo weNedbank ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga eGoble Park Stadium.

Lowo ngumdlalo ongayinzimela kakhulu iChippa ngoba iFree State idlala kakuhle kakhulu futhi iyingozi ebaleni layo.

Into ekufuneka ayenze uHeric kukukhuthaza abadlali bakhe emva kwemidlalo eliqela bengaphumeleli. Yona iStars iya kumdlalo wempelaveki inamandla kakhulu emva kokubetha iPlatinum Stars ngo’2-1 kwiveki ephelileyo.

Kwisizini egqithileyo, iChippa United yaqhuba kakuhle kakhulu kwiNedbank Cup – nakule isizini inomnqweno wokudlala ngcono.

“Sidlala neqela elomeleleyo kumdlalo onzima – kodwa singalibetha futhi siye kumjikelo olandelayo. Thina sizimiele kakhulu ukwenza konke ukuze siphumelele. Ndisasombulula imiba ethile nabadlali bama ngoku phambi kwalo mdlalo,” utshilo uHeric.

Imidlalo yeNedbank

NgoLwesihlanu: AmaZulu vs Ubuntu Cape Town – King Zwelithini Stadium, 20:00

NgoMgqibelo: Baroka FC vs Steenberg United – Peter Mokaba Stadium, 15.30; Free State Stars vs Chippa United – Goble Park Stadium, 15:30; Kaizer Chiefs vs Stellenbosch FC – Moses Mabhida Stadium, 20:15

NgeCawe: Royal Eagles vs Maritzburg United – Princess Magogo Stadium, 15:30; Bloemfontein Celtic vs Richards Bay – Dr. Molemela Stadium, 15:30

pedro.mapelo@inl.co.za