UNomakhaya akaziva ngeSundowns yakhe

Nomakhaya Papu

Kule veki, I’solezwe lesiXhosa, lidibene nentokazi eyithanda kakhulu iMamelodi Sundowns nebhola ekhatywayo. Yiminyaka emininzi ilandela ibhola kwaye ihamba kwilizwe lonke, ngoku le ntokazi isichubela ngohambo lwayo ukuzokutsho ngoku.

Pedro Mapelo: Bhota sisi, uphilile?

Umlandeli: Ndiphilile, unjani wena Bhuti?

PM: Ndiphilile nam, enkosi. Gqaba-gqaba, ungubani Nkosazana?

Umlandeli: Igama lam ndinguNomakhaya Papu. Ndihlala kwilokishi yaseDuncan Village apha eMonti.

PM: Kuhle ke sisi, iDowns wadibana nayo nini, njani?

Nomakhaya Papu: Hey!…Ndaqala ukuba ngumlandeli phaya ngo’1995. Umhlobo wam, owayeyithanda kakhulu, nguye owandifaka apha kuyo. Wayengumlandeli weSundowns omkhulu kakhulu. Ndaqala kuloo nyaka ke ukuyibukela iSundowns kumabonakude. Eyona nto ndiyithandayo ngoku sisitayile edlala ngaso nokuzimisela kwabadlali bayo.

PM: Yintoni ongasoze uyilibale kwimbali yeSundowns?

NP: Yooh! Soze ndiwulibale umdlalo weTelkom Knockout esasidlala kuwo neKaizer Chiefs ngo’2015 eMoses Mabhida Stadium. Ndandiphaya kula mdlalo ngethuba uDennis Onyango ecika amapenela amabini weChiefs. Ndabuya ndonwabe gqithi kulo mdlalo – kodwa ndilahlekwe ngumnxeba wam ophathwayo.

PM: Ulindele ntoni kwiMamelodi Sundowns kule isizini?

NP: Inye qha into endiyifuna iyenze: kukuphumelela indebe yePremier Soccer League. Le yeyona ndebe ibalulekileyo ngoba isinika ithuba lokudlala kwiCaf Champions League.

PM: Ungathi ngubani oyena mdlali omthandayo kwiDowns?

NP: NguDenis Onyango kaloku. Udlala ngokukhulu ukukhuthala ngamaxesha onke kwaye idlale indima ebalulekilyo kwimpumelelo yeqela lethu – ngakumbi kula Telkom Knockout.