UNomeva ubuye nodumo eMelika

Xolisani Nomeva Ndongeni

Xa ubani esithi kukho imbethi manqindi egqugqisa ihlabathi ephuma kwidolophi yaseMount Frere ibangathi ubalisa intsomi kuba amanqindi echume kakhulu eMdantsane.

Kodwa izinto ezivakala ngathi ziintsomi zaphela kulo Mzantsi Afrika mtsha. Yiyo lo nto ihlabathi libukele uXolisani “Nomeva” Ndongeni esenza ezibukwayo kwiqonga lehlabathi.

UNomeva uyindoda emadodeni ngoku emva kokubetha uJuan Garcia Mendez welizwe laseMexico kwiveki ephelileyo.

Njengembethi manqindi ebuye nodumo kwilizwe laseMelika abantu belizwe ngokubanzi bavuyisene naye besebenzisa amaqonga wonxibelelwano emva kokuphumelela umlo wakhe wamashumi amabini anesibini ngaphandle kokoyiswa.

Le ndedeba yakwaBhaca yabathembisa abantu beli lizwe loMzantsi Afrika ngempumelelo – wenza njalo ngokwenene.

Ngokwengxelo zamajelo eendaba le mbethi manqindi kulindeleke ukuba iphindele eMelika ekuqaleni konyaka ozayo – apho kulindeleke ukuba ifumane omnye umlo.