UNomeva umfuna esiqwini uGwayani waseMalawi!

Ngomhla wamashumi amabini kule nyanga, iTLB Boxing Promotions iza nengxikela yetumente yamanqindi emva kwesithuba esingaphaya konyaka kuvaliwe. Phakathi kweembethimanqindi ekulindeleke zibuyele eqongeni lamanqindi nguXolisani “Nomeva” Ndongeni – owagqibela ukulwa ngo-2019, unyaka awabethwa ngawo yimbethimanqindi yaseGauteng, uPrince Dlomo.

Le tumente eququzelelwa yinkampani yabathelekisi, iTLB Boxing Promotions, iza kubanjelwa kwidolophu yaseSecunda, eMpumalanga. UNomeva, owayekhe wayintshatsheli yeWBF lightweight, ngoku ufuna ukubuyisa isidima sakhe xa edibana noByson Gwayani waseMalawi emlweni oza kuba nemijikelo engaphaya kweshumi.

UXolisani “Nomeva” Ndongeni yimbethimanqindi yakwaBhaca. Umfanekiso: Facebook

“Ndiyakuvuyela ukubuyela eqongeni emva kokubethwa kakubi. Kuhle ngoba ndiyazazi ukuba ndiza kuphumelela. Yaba lilishwa nje into yokubethwa kwam nguDlomo. Ndiya kubulela ukuba yinxalenye yetumente ezayo,” utshilo uNomeva, ethetha neentatheli ekuqaleni kwale veki eGoli. Emva kokubethwa kwakhe, kwaye kwanyanzeleka anzule ngeengcinga uNomeva akhangele nomntu onokubuyisa ubunganga bakhe kwicandelo lamanqindi. Akekho omnye umntu othe qatha engqondweni yakhe ngaphandle kukaMnu. Mzamo “Chief” Njekanye – umqeqeshi ophum’izandla emanqindini eMpuma Koloni.

“Emva kwala mlo, ndandihleli ndiza kubuyela kuChief. Ndihleli kakhulu eGoli. Noxa ndizazi izinto ezenziwa yimbethimanqindi – kodwa uChief ngumqeqeshi osemgangathweni ophezulu kwaye kulula ukusebenza naye. Ndingaya kuye eMonti okanye angeza kum eGoli. Kulula ukusebenzisana naye,” utshilo uNomeva wakwaBhaca – kodwa ongumhlali waseGoli.

UNomeva akamazi uGwayani; nangona kunjalo – uthi uza kulwela ukuphumelela. “Ndimbonile kancinci; endikuqapheleyo kukuba noko akangomntu onokundisokolisa. Ndiza kulwela ukuphumelela umlo mna,” utshilo uNomeva. Enye imbethimanqindi eza kulwa nguNoxolo Makhanavu waseMonti.