Ibanjiwe inqununu efake umfundi elindleni

AMAPOLISA aseUgie ayilelise eziseleni ngoMvulo inqununu yaseLuthuthu JSS eUgie, efake umfundi oyinkwenkwe oneminyaka elishumi elinanye elindleni kuba esithi makakhangele ifowuni yakhe ebitshone phaya.

Esi sehlo senzeke ngomhla wokuqala kule nyanga ngokokutsho kukaPetros Majola, itshantliziyo lamalungelo wabantwana.

Lo mfundi, ngokokutsho kukaMajola, ebethenjiswe iR200 yile nqununu. Kodwa uthe akungayiboni ifowuni elindleni emva kokuzamisa elo lindle, akanikwa nepeni egoso.

Umfundi uye wanikwa iR50 emva kwezankxwe zeqela elithile labazali.

Isithethi samapolisa ephondweni uKapteni Khaya Tonjeni uthi le nqununu ibanjelwe izityholo zokuzama ukubulala. Le nqununu iyavela kwinkundla kamantyi namhlanje (Lwesibini), utshilo uTonjeni.

Isebe lezemfundo liyinqumamisile le nqununu. Isebe lophuhliso loluntu liyaqhuba nomsebenzi wokoluleka umfundi ngokwasengqondweni.