UNomeva uthi soze abethelwe e-Orient Theatre

UXolisani “ Nomeva” Ndongeni uthi akekho phantsi koxinizelelo lokulwa ngendlela ethile kumlo wakhe nenzalelwane yaseTanzania, uEmilio Norfat.

Le ntetho kaNovemva ilandela emva kokuba umququzeleli kaNomeva ozinze eGoli, uRodney Berman, ebeke uxinizelelo kule mbethimanqindi.

UNdongeni wathenjiswa ngomlo waseMelika, emva kokuba ebethe uMiguel Angel Escalada waseArgentina, kwaye lo mlo kwakuthiwe uzakuwulwa phantsi kweShowtime.

Ngoku ucula enye ingoma uBerman, nalapho athi uNomeva kufuneka azame ukuba awuphumelele ngokukhawuleza umlo wakhe ozayo, nangendlela encumisayo ukuze afumane ithuba lokulwa eMelika kwinyanga yeKhala.

“ UBerman ngumntu woshishino, kodwa mna ayindichaphazeli loo nto. Ndizakwenza umsebenzi wam wokudlala amanqindi, akakathethi nam malunga nento ayilindele kum,” utshilo uNomeva.

“Amanqindi axhomekeke kumntu lowo ndilwa naye, mna ndizakwenza konke okusemandleni ukujonga lo mntu ndilwa naye, andizozifaka phantsi koxinizelelo.”

Le mbethi mandinqi izalelwe phesheya kweNciba, igqibele kweyeNkanga kunyaka ophelileyo ukulwa, kumlo eyayibethe kuwo uJasper “ Jazzman” Seroka kwitayitile yeIBO lightweight eMonti.

“Bendonzakele kumlo wam noJasper, kwaye oogqirha bacebisa ukuba ndiphumle.

Ndiqale ukuziqeqesha kwakhona kwinyanga yoMqungu, ngoku ndikulungele ukulwa. Andimazi lo mfana ndizakulwa naye, zange ndambona esilwa, kodwa uNomeva akazange wabethwa, ingakumbi eMonti,” utshilo uNomeva.

Le tumente azakulwa kuyo uNomeva iququzelelwa yiSijuta Promotions, ngokubambisana neYunivesithi yaseFort Hare.

Uzakube esilwela i-International Lightweight kwimijikelo elishumi.

pedro.mapelo@inl.co.za