UNonina uzingela intshinga yehlabathi kulo nyaka

Bukiwe Anaconda Nonina

Emva kokufumana iwonga lembethi manqindi yonyaka eli nenekazi, uBukiwe ‘Anaconda’ Nonina uzingela intshinga yehlabathi.

UNonina, 25, utsho njalo emva kokufumana iwonga kumsitho obubanjelwe eBhayi kwiveki ephelileyo.

Le ntokazi yakuMangce, eDutywa, iqale ukufumana iwonga elikhulu eThekwini emva kokwenza imbali ngo-2016 ikhusela intshinga yayo yeBantamweight.

UNonina ubethe iimbethi manqindi ezaziwayo abekhuphisana nazo kwiwonga lonyaka.

Ukubuya nembasa yinto ebalulekileyo kakhulu kule mbethi manqindi kwaye ifuna ukutshila kwiqonga lehlabathi ngoku – apho izakudibana noompondo-zihlanjiwe bezinye izizwe.

“Ndonwabe kakhulu, kucacile ukuba khange indisinde imbasa kulo nyaka ophelileyo. Ndinethemba lokuba nale iyakundivulela indlela. Ukuphumelela kwam kuthetha ukuthi ndisebenze kakuhle kunyaka ophelileyo kakhulu. Ndinethemba lokuqhuba kakuhle nakulo unyaka emsebenzini wam – mhlawumbi ndingayithatha nakule yalo nyaka. Nalapha ku-2018 ndingayithatha ngoba imisebenzi yiyo ethethayo. Ngoku ndinqwenela ukufumana intshinga yehlabathi kwiWBC kwaye ukuba ndiyaphumelela, ndakuba ngowokuqala eMzantsi Afrika ukwenza lo nto. Xa kunokwenzeka lo nto, mhlawumbi ingandim kwakhona imbethi manqindi yonyaka kumanenekazi,” utshilo uNonina.

UNonina uthi uncwase ukulwela intshinga yeWBC neembethi manqindi zaphesheya ngoba akusekho nto anokuyizuza ngokulwa nezi zalapha ngoba intshinga ayifunayo ayikho apha eMzantsi Afrika.

“Bekukhe kwangxolwa ngoGabisile kumaphephandaba. Ndimbizile – kodwa akavumanga. UGabisile lo kwathiwa undibethile engandibethanga, ubizwe ndim intshatsheli – kodwa akavumanga. Andiyiboni into ezakundisokolisa ngoku – ndizakuchebelezela.

“Ndizakufumana ntoni ngokulwa nabo, injongo yam kukufumana iWBC le ingekhoyo apha eMzantsi Afrika. Kunyanzelekile ndilwele iWBC ukuze nditshintshe ubume bamanqindi kweli lizwe.

“Ndinethemba lokuba nabaxhasi bangasondela xa bebona umntu onentshinga engekhoyo eMzantsi Afrika,” utshilo uNonina.