UNtsikelelo Nyauza unesicelo esinye jwi kubalandeli beZimnyama!

Samir Nurkovic of Kaizer Chiefs challenged by Ntsikelelo Nyauza of Orlando Pirates during the 2019 Telkom Knockout quarter final match between Kaizer Chiefs and Orlando Pirates at Moses Mabhida Stadium, Pietermaritzburg, on 2 November 2019 Samuel Shivambu/BackpagePix

Umdlali wasemva,
uNtsikelelo Nyauza, uthi abalandeli be-Orlando Pirates mabamnyamezele umqeqeshi
weqela labo, uRulani Mokwena, ngoba kukhulu okusezayo. Ezimnyama zishiye
abalandeli bedanile emva kokudlala ntanganye ngeqanda macala (0-0) neMaritzburg
United emdlalweni we-Absa Premiership obuse-Orlando Stadium ebusuku
ngoLwesibini kule veki. Kanti abanye abalandeli kudala bemnukuneza ngamagama
amabi uMokwena besithi woyisiwe kukubetha iKaizer Chiefs emdlalweni weTelkom
Knockout obuseThekwini kwiveki ephelileyo. UMyauza, oqale isizini esiva
ngeendaba isikim, uthi uyakholelwa kwelokuba uMokwena angazibuyisa iintsuku
zolonwabo kweZimnyama. “Ndikhumbula uPitso Mosimane esafika kwiMamelodi
Sundowns, kwathatha ixesha nakuye ukuze aphumelele. Izinto azenzeki
ngokukhawuleza. Ngoku sele ephumelele izinto ezininzi noxa izinto zingazange zihambe
kakuhle esafika kwiSundowns,” utshilo uNyauza.

“Emva
kweesizini eziliqela ekhona, iqela liye laqina kakhulu. Laqala ukuthatha
iindebe. Wenza abadlali bakwazi ukudlala umdlalo odibeneyo wakha neqela
elomeleleyo. Abalandeli bethu mabanyamezele, umqeqeshi uzama ukwakha inqanawa
eza kuhlala ixesha elide. Ukunyamezela yinto ebalulekileyo. Sinomqeqeshi ozama
ukwakha iqela elizinzileyo,” utshilo uNyauza. Ekuqaleni kwale veki, uBenni
McCarthy ugxizwe ngezembe
yiCape
Town City

ngenxa yokunqaba kweziphumo ezihle. Kwiiveki ezidlulileyo, bekukhe kwathi ndiii
iindaba ezithi izikhulu zePirates zikhangela umqeqeshi omtsha. “Kufanele
simlwele umqeqeshi ngoba ukrelekrele futhi unamaqhinga. Ukuba angahlala ixesha
elide, iqela lingakhula. Sakha iqela okwangoku kwaye kusaqheliswa nabadlali
abatsha. Liza kufika ixesha apho siza kufikelela kwinqanaba eliphezulu. Emva
koko ziza kuvela iziqhamo. Akululanga – kodwa nathi kufanele sisebenze
ngokuzimisela,” utshilo uNyauza.

IPirates iza kudibana neChiefs
emdlalweni we-Absa Premiership, eFNB Stadium, ngentsimbi yesithathu emalanga
ngoMgqibelo. UKaptein, uHappy Jele, uza kuphoswa ngumdlalo emva kokunikwa
ikhadi elibomvu emdlalweni ogqithileyo. “Sineqela. Ngeke kusixake ukudlala
neChiefs ngaphandle kukaJele ngoba sonke singooKapteni eqeleni lethu. Kufuneka
sigxile emdlalweni futhi sincedane njengeqela. Siqinile, kubalulekile kuthi
ukuqinisekisa okokuba sifumana amanqaku amathathu ngoMgqibelo. Abalandeli
bafuna sibonwabise ngoba lide ixesha benxunguphele,” uvale ngaloo mazwi
uNyauza.