Unyana kaMakhaya Ntini ufumene ikhaya ePitoli

UThando Ntini obekade edlalela iCape Cobras uza kudlalela iTitans yasePitoli emva kokufumana ikhaya elitsha eGauteng. UMFANEKISO: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Ukuba izinto zihamba ngohlobo ezihamba ngalo ngoku, uMzantsi Afrika ungabona omnye uMakhaya Ntini owatshintsha umdlalo weqakamba ekupheleni kweminyaka yoo1990.

Unyana wakhe ogama linguThando Ntini, 19, wenza ezibukwayo kwiqakamba yelizwe loMzantsi Afrika.

Emva kokunyuselwa kwinqanaba eliphezulu kunyaka ophelileyo, uThando uzibonakalise ngokuba ngomnye wabadlali abajula ibhola yeqakamba ngendlela emangalisayo kwiCape Cobras.

Ezintsha ngoku iindaba zithi uNtini uza kudlalela iTitans ezinze kwandlunkulu woMzantsi Afrika, ePitoli, kwiphondo laseGauteng.

Kunyaka ophelileyo, uNtini, oveliswe sisikolo ekuthiwa yiWynberg Boys High, uzenzele igama ngokuthatha inqwaba yoothinti emidlalweni yosuku olunye – enye yezinto ekubonakala ngathi imenze wanomkhitha kakhulu kwamanye amaqela.

Kwakunyaka ophelileyo, lendodana yakwaNtini ibiyinxalenye yePaarl Rocks eye yaphakamisa indebe yoMzantsi Super League ekupheleni kuka2019 noxa ingakhange idlale.

Okwangoku akukho kwantlobo yemidlalo yeqakamba edlalwayo kwihlabathi lonke ngenxa yentsholongwane yekhorona ehlasela abantu.

Emva kokutyikitywa liqela lakhe elitsha, uNtini ulibulele ithuba alifumeneyo nomahluko owenziwe ngabantu baseNtshona Koloni ebomini bakhe.

“Ndilibulela ngokungazenzisiyo ithuba enindinike lona,” utshilo uNtini kwikhasi lonxibelelwano (Instagram). “Ndibulela inkxaso yabantu basekhaya, abaqeqeshi bam, abahlobo bam nabo bonke abantu baseNtshona Koloni abandenze le nto ndiyiyo namhlanje,” utshilo uNtini.

Uyise, uMakhaya Ntini, waziwa njengomnye wabadlali abasemgangathweni ophezulu emdlalweni weqakamba kweli lizwe.

Kodwa ukuba indlela adlala ngayo uThando ingaphucuka, unalo ithuba lokuba ngumdlali ongcono kunoyise.

Kwakufuneka asebenze ngokuphindeneyo kodwa ukuze yenzeke lo nto. “Siyakuvuyela ukubona uThando edlalela iSky Blues,” utshilo umqeqeshi wakhe omtsha, uMandla Mashimbi, ethetha neentatheli.