UPaez noCastro baya etshatshalazeni ngoMgqibelo

ULeonardo Castro weMamelodi Sundowns umfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Amaqela adlala kwi-Absa Premier Soccer League abuyela enkomeni kule mpelaveki emva kokuthi khebevu iveki yonke ngenxa yemidlalo yezizwe.

Umdlalo ophakathi kwamaqela amakhulu ufikile kwaye kulindeleke utake iintlantsi. Amakhosi amkela iintshatsheli zePSL, iMamelodi Sundowns, kumdlalo oseFNB Stadium ngo’20:15 ngoMgqibelo.

Nangona iKaizer Chiefs ihleli kwindawo ephezulu kancinci kuneSundowns esenemidlalo emibini esandleni – kodwa yiDowns eya kulo mdlalo inamandla emva kokubetha iChiefs kumdlalo wokuqala.

USteve Komphela usenethemba lokuphumelela indebe yePSL nangona ukhuphiswano lulushica kakhulu. Kunyanzelekile ke kambe ukuba iChiefs iyibethe iDowns kulo mdlalo ukuze kufezekiswe iphupha likaKomphela. Soze kubelula ukuyenza lo nto ngoba iSundowns iyakwazi ukumelana nemidlalo emikhulu kwaye izimisele ukuyikhusela indebe yayo ekupheleni kwale isizini.

UGustavo Paez, otyikitywe yiChiefs kulo nyaka, ngumdlali othembisayo futhi osele ebonise ubukrelekrele nobuchule bokudlala ibhola kwimidlalo embalwa ayidlalileyo.

Zikhona izinto azifundileyo uPaez koogxa bakhe kwaye uthi uzakulibala ngobuhlobo anabo noLeonardo Castro ngoMgqibelo.

UCastro lixhadi likaPitso eliwonzakalisileyo amaqela amaninzi kwiPSL. Bobabini aba badlali ziifolosi ekuzakuthi kujongwe kuzo. UPaez uzinzile ngoku kwiChiefs nokuzithemba kufunqukile.

“Ndikhululekile ngoku, oogxa bam nabalawuli bandincedisile. Ndijongana nomdlalo omnye ngexesha,” utshilo uPaez.

“Mna nenkosikazi yam besityelele uLeonardo Castro kutshanje. Sithethile ngokubaluleka kwalo mdlalo. Sobabini sijonge kumdlalo wangoMgqibelo. Ubuhlobo buzakuphela, sifuna amanqaku amathathu. Ndiyibukele indlela abadlala ngayo,” utshilo uPaez.

IDowns iya kulo mdlalo iqhwalela ngenxa yabadlali abonzakeleyo abafana noSibusiso Vilakazi, uDenis Onyango, uYannick Zakri noWayne Arendse. Kodwa inabo abadlali abahleli bekulungele ukudlala.