UPhilander uyiphindile futhi i-Australia

UVernon Philander weeProteas. Umfanekiso: BackpagePix

UVernon Philander, umjuli weqakamba owaziwayo jikelele kwihlabathi, uwenze khaphu-khaphu umsebenzi weeProteas ngentseni yanamhlanje ngethuba ewisa amadoda amahlanu eyedwa, eBellerive, ngokuthatha oothinti abahlanu be-Aussies.

Ngoku uMzantsi Afrika uya kusuku lwesibini lwalo mdlalo wovavanyo unamandla emva kokuyikhupha yonke i-Australia inemitsi engamashumi asibhozo anesihlanu (85) qha. Ngethuba uPhilander esonga idemesha yakhe i-Australia ibithe finini kumashumi amane anesibhozo.

UMzantsi Afrika uvale usuku unekhulu elinamashumi asixhenxe ananye (171). Lo kaPhilander wenza into ayiqhelileyo apha kwi-Australia ngoba ngo’2011, eNewlands Stadium, wenza into efanayo nale ayenze namhlanje – ngoko yayingumdlalo wakhe wokuqala kwiiProteas.

Kodwa ke wona uMzantsi Afrika uqale kakuhle umdlalo – kangokuba udibanise amashumi amane anesithathu kungekho thinti uwileyo. Amadoda avule umdlalo nguDean Elgar noStephen Cook.

Nayo i-Australia iwudlakazile uMzantsi Afrika ngokuwisa amadoda amabini. Nangoba uJP Duminy, uHashim Amla, uDu Plessis noTemba Bavuma bezamile ukuyibamba inqanawa – kodwa abakwazanga ukuhla ixesha elide.