UPhumlani Ntshangase unikwe uxanduva lokukhokela iMaritzburg United

UPhumlani Ntshangase nguKapteni omtsha weMaritzburg United. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Xa kuqala isizini entsha ngomhla wamashumi amabini kule nyanga yeThupha, uPhumlani Ntshangase uza kube eqala umsebenzi omtsha wokukhokela iMaritzburg United. UNtshangase, 26, unikwe uxanduva lokukhokela iTeam of Choice emva kokufinca iisizini ezintathu kuyo. Ngaphandle kwamathandabuzo, unamava oneleyo okukhokela emva kokuqala ukudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu kwisizini ka-2013/14 kwiBidvest Wits ebhangiswe kunyaka ophelileyo emva kokuthengiselwa usomashishini waseLimpopo. UNtshangase uchazwe njengomdlali ohlonitshwayo ngoogxa bakhe futhi okwaziyo ukunxulumana nabantu bonke.

Ethetha emva kokuchongwa kwakhe, uNtshangase uthe: “Ndonwabe kakhulu – kodwa ndinayo indawo eyoyikayo kwangaxeshanye. Kunjalo ngoba ndiyazi ukuba ufuna ukuba yinkokeli, kufuneka usebenze ngokuzimisela futhi ube ngumzekelo kubo bonke abantu eqeleni. Ndizimisele ukufunda kwabanye abadlali ngoba abanye badala kum. Lithuba elihle eli endizimisele ukulibamba ngezandla zozibini.” Emva kokusinda ezembeni kwisizini ephelileyo, uErnst Middendorp uqinise iqela lakhe emva kokuphulukana nabadlali abaliqela abaquka uThabiso Kutumela, uBongokuhle Hlongwane noKwanda Mngonyama. Abadlali abatsha abafunyenwe yiTeam of Choice nguBrandon Theron noRichard Zumah.

UTheron usuka kwiTshakhuma Tsha Madzivhandila ekuthiwa yiMarumo Gallants FC ngoku. Kanti yena uZumah yifolosi yaseGhana ebidlalela iqela lase-Ivory Coast. “UBrandon, 28, ungumdlali onesiphiwo esihle kakhulu oza kulinceda iqela. Okuhle ngaye kukuba angasetyenziswa kwiindawo ezini. Kanti yena uZumah akaziwa – kodwa siqinisekile uza kungena kwindlela esidlala ngayo. Ebedlalela iSan Pedro yase-Ivory Coast kwaye kudala siyibeke esweni indlela adlala ngayo. Siyakuvuyela ukufumana abadlali abatsha,” utshilo uMiddendorp. Abanye abadlali abatsha nguZukile Kewuti, uLifa Hlongwane, u-Alfred Ndengane noRowan Human.