UMnquma ucim’ ubhala ezindleleni

EZINYE zeendlela zaseGcuwa kuMasipala waseMnquma ziyalungiswa emva kweminyaka ziyimingxunya ekunzima ukuhamba kuyo ngemoto.

Kodwa kutheni zilungiswa xa kanye ibhunga likamasipala lifikelele esiphelweni kulawulo lweminyaka emihlanu ebeluqale ngo2016?

Yiminyaka abahlali baseMnquma kwiindawo zaseGcuwa ezifana naseColoured, Zithulele, Msobomvu, Zizamele, Mchubakazi, Cuba, Vuli Valley, Bika, Extension 2, 6,7 bekhala ngemeko yeendlela ekunzima ukuhamba kuzo.

Isitalato iTaylor eGcuwa sicinywe imigca emva kweziqhulo kumaqonga ezonxibelelwano ngenxa yobugosogoso UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Umsebenzi wokulungisa ezinye zeendlela zaseGcuwa uqalile, kodwa abanye abahlali bale ndawo bathi “yiprojekthi yolonyulo le”.

“Le nto yokulungiswa kweendlela zaseGcuwa iqale kulo nyaka. Ukusuka ngo2016 ukuza kuthi ga ngoku, akukho nto yenziweyo ebonakalayo ekulungiseni iindlela.

“Le mali yokwenza iindlela ebikade ingekho ivelaphi ngoku? Yiyo le nto ndithi inyathelo lokwenziwa kweendlela ngonyaka wolonyulo, asiyonto enobunyani. Xa kunovotwa ngenyanga yeDwarha, andinokothuka xa zonke ezi projekthi zokwenziwa kwendlela zingathi ziyekwe phakathi,” kutsho umhlali waseVuli Valley.

Ngethuba I’solezwe lesiXhosa belityelele eGcuwa kwiveki ephelileyo, abasebenzi bekontraka bebexakekile kwisitalato iTaylor becima imigca ebisele ibhaliwe emva kobugosogoso obubangele ukuba kuqhulwe ngayo le migca kumaqonga onxibelelwano.

Isitalato iTaylor eGcuwa emva kokulungiswa ngumasipala waseMnquma UMFANEKISO: FACEBOOK

Iindlela eExtension 7 zilungisiwe, kwaye abahlali bathi umsebenzi usemgangathweni .

Omnye umhlali uthi iindlela eMsobomvu, Mchubakazi naseCuba “zibolile”.

“Into ebonakalayo ngoku kwezinye iindawo elokishini, umasipala uvala ngesabhunge izigingqi zeendawo ebezifudula zinetha, into ebonakalayo ukuba amathuba okubuyela kwindlela yetha kwezinye zeendawo zaseGcuwa, amfiliba kakhulu. Ngokokubonakala kwezinto, indlela yetha ayikubakho ngaphakathi ezilokishini.

Iinzame zokufumana uluvo kumasipala azikhange ziphumelele ngethuba sibhala eli nqaku. Imibuzo besiyithumele kothethela uMasipala waseMnquma, uLoyiso Mpalantshane, kodwa ebengekaphenduli ngethuba sibhala eli nqaku.