Umyalezo kaLutsha kwicwecwe elitsha

Imvumi yegospile uLutsha Yolelo

OKWAKUSENTLIZIYWENI kaLutsha Yolelo ngethuba esenza icwecwe lakhe elitsha nelithandwa kakhulu ngabathandi beGospile yayiyindumiso, inkuthazo nokuxelela abantu ngobukhulu bukaThixo.

Icwecwe elitsha likaLutsha elithi Nal’ icebo nguYesu, litsalela abantu kufutshane noThixo.

Iingoma ezikweli cwecwe, ngokutsho kukaYolelo, ngamazwi acatshulwe ngqo kwincwadi emlom’ ubomvu.

Kweli cwecwe kukho iingoma ezinje ngethi uJehova unecebo elihle ngam, Singaya phi?, Sicela kuWe Menzi Wethu njalo njalo.

Encokolela I’solezwe, uYolelo uthi eli cwecwe liqulethe amazwi aphila ngawo xa kumnandi naxa kukrakra ebomini bakhe.

“Ziyi-13 zizonke. Lona icwecwe libizwa ‘Nal’ icebo nguYesu’ ngokuba bendifuna ukugqamisa into yokuba umculo wam ungokushumayela uYesu Kristu,” kutsho uYolelo.

Le nzalelwane yaseMooiplaas eMonti, yaqala ukucula iselula, kodwa yaqapheleka emculweni ngethuba izibandakanya neLusanda Spiritual Group ngo2013.

Eli cwecwe licwecwe lakhe lesithathu. Icwecwe likaYolelo lokuqala ngo2013 lalisithi Mayenzeke intando Yakho waze ngo2015 wathi Konke Kunexesha Lako.

“Isandi siqinile kweli icwecwe. Ndisebenze noompondo-zihlanjiwe abakhulu kwisingqi segospile ngethuba ndiyipheka. Nam ndikhulile ekwazini igospile le ndicula ngayo, nomyalezo uqolile,” kutsho uYolelo.

Kweli cwecwe uYolelo usebenze noPutuma Tiso, uBuhle Nhlangulela, uMuzi Xulu, uShad Ndlovu noKamva Mcinga njengeprodyusa.

Kwakweli cwecwe, kukwakho iingoma ezibhalwe nguBetusile Mcinga, uSenzo Khumalo noJumbo Nyangiwe.

UYolelo uthi ukhe wafumana ubunzima ukwazisa icwecwe lakhe emva kokushiywa ngutata wakhe.

Uthi ngeli xesha wayengafuni kwenza kwanto, engenamdla kodwa waphinda wangcono ngenxa yomthandazo.

Eli cwecwe sele lifumaneka kwiivenkile zomculo online okanye udibane noYolelo xa ufuna iCD.