UPitso udandalazisa akufunayo kwiDowns

IMamelodi Sundowns lelona qela elizibonakalisileyo kwesi siqingatha sesizini ka’2015/16 ukuba lifuna ntoni. Ukuphumelela indebe yeTelkom Cup kunyaka ophelileyo icacisa gca into eyifunayo.

Umqeqeshi, uPitso Mosimane, wonwabile ngoba izinto zihamba kakuhle, nangona ekuqaleni kwakunzima nje. Ukungabethwa kweqela lakhe kwimidlalo elishumi emva kwemidlalo elishumi elinesine akazikhathazi ngako uJingles ngoba akafuni lo nto imphazamise kwiinzame zakhe zokoxutha indebe yePSL kwiKaizer Chiefs njengoko wayetshilo ekupheleni kwesizini ephelileyo.

Ngoku uJingles uzikrwempa intloko ukhangela iqhinga azakuthi abethe ngalo iSuperSport United kwidabi lamaqela asePitoli.

Amatsatsantsa A Pitori andwendwela iSandawana eLucas Moripe Stadium, apho la maqela azakudlala khona ngoMgqibelo ngentsimbi yesibhozo ebusuku.

Nangona umdlalo ophakathi kwala maqela ungatsali ababukeli abaninzi ngokufanayo nedabi laseSoweto, kodwa ayakwazi ukunika abathandi bebhola umdlalo osezingeni eliphakamileyo. UPitso unexhala lamakhwenkwe kaGordon Igesund ngoba uyazi ukuba nantoni ingenzeka noxa iSuperSport inamaxesha okudlala kakuhle, ngamanye amaxesha ibethwe.

Kwimpela veki ephelileyo iSuperSport ivuthululwe ngo’4-1 yiPolokwane City, lo gama yona iDowns izibethele AmaTuks ngo’2-1. Ihleli enkcochoyini yePSL, i-Sundowns ngoku, kwaye uPitso uyazi ukuba iqela ukuze liphumelele indebe yePSL kufuneka lifumane amanqaku nokuba kukanjani, nobungozi beqela azakudlala nalo abumsithelanga.

“Njengokuba bebethwe ngo’4-1, bazakuza ngomsindo apha kuthi. Kulo mdlalo baza- kudlalela isidima sabo futhi silindele umdlalo onzima,” utsho uPitsoLo mqeqeshi wayefudula eqeqesha iBafana Bafana ufuna ukuwuphumelela lo mdlalo. “Kuyo yonke imidlalo ngoku sifuna amanqaku qha. Kubalulekile ukufumana amanqaku kuthi kulo mdlalo wethu neSuperSport, kodwa sakubonana nabo emdlalweni,” utsho uPitso.U-Igesund uya kulo mdlalo enethemba lokuphumelela ukuze enyukele phezulu kwiPSL.