UPitso ufuna impumelelo kwiChamps League

Njengokuba amaqela amaninzi adlala kwi-Absa Premier Soccer League esathathe ikhefu emva kokusongwa kwesizini – yena uPitso Mosimane nabadlali beMamelodi Sundowns abaphumlanga ngenxa yemidlalo yeCaf Champions League.

AmaSandawana amkela iqela laseTunisia eliyingozi, i-Esperance, kumdlalo weChampions League ngo’20:00 eLucas Moripe Stadium ngoLwesihlanu.

Ezi ntshatsheli zezwekazi le-Afrika ziya kulo mdlalo zinamandla emva kokuvuthulula i-AS Vita Club ngo’3-1 kwiveki ephelileyo enkundleni yayo eDemocratic Republic of Congo.

IiBrazilians zithe ngcu kwindawo yokuqala kuGroup C – kodwa zinamanqaku amane ngokulinganayo ne-Esperance. Lo nto ithethe ukuthi la maqela omabini azakube efuna amanqaku amathathu. Emva kokudlula kwiVita kwiveki ephelileyo, iqela lakhe liqhwalela ngenxa yabadlali abathile abangakwazanga ukudlala, uPitso uya kulo mdlalo ukuzithemba kuphezulu.

“Abanye abadlali kunokwenzeka ukuba bazidlalela igalufa bekwathatha nemifanekiso – kodwa thina siyazi apho siya khona. Sikhulile ngoku emva kokufumana amava kwimidlalo edlulileyo. Kunyanzelekile sifumane amanqaku amathathu ekhaya ngoba sincwase amanqaku amane kubo,” utshilo uJingles.

Nakubeni iSundowns engafumenanga nto kwisizini yePSL edlulileyo – kodwa umqeqeshi uyiqhwabele izandla ngokusebenza kakuhle kwimidlalo yeCaf.

Kwelinye icala, iSuperSport United idibana neTP Mazembe kumdlalo weCaf Confederation Cup kaGroup D ngo’14:30 eLubumbashi ngeCawe.

UKaitano Tembo nguye ozakutsala imikhala njengokuba uStuart Baxter ejonge imiba yeBafana Bafana.

KuGroup B, iPlatinum Stars izakuzama ukubuyisa isidima sayo ngale mpelaveki xa idibana neSfaxien kumdlalo ozakube useTunisia ngeCawe emva kokubethwa yiMbabane Swallows ngo’4-2 kwiveki ephelileyo.

pedro.mapelo@inl.co.za