UPitso unexhala leCape Town City!

Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uPitso Mosimane, uzakusebenzisa abadlali abafana noPercy Tau xa iqela lakhe lidibana neCape Town City

Umdlalo ophakathi kweCape Town City neMamelodi Sundowns usoloko utsala umdla wabantu abaninzi, hayi kuba la maqela ephala phambili ngamanqaku kwi-Absa Premier Soccer League – kodwa ngenxa yokuba iDowns ikhangela impumelelo yayo yokuqala ukusukela oko kwabakho iCity.

La maqela aphambili kwiPSL kulindeleke axikixane ngo’20:00 ngoLwesihlanu kumdlalo wePSL, e-Athlone Stadium.

Njengokuba iSundowns iqinisa iinzame zayo zokuphumelela indebe yePSL kule sizini, iya kulo mdlalo igxeleshe amanqaku amathathu noxa isazi ukuba inalo ixhala.

La maqela ashiyana ngamanqaku amane qha; iDowns ibethwa ngumoya phezulu ngamanqaku angamashumi amathathu anesihlanu.

Ubaluleke kakhulu kuPitso Mosimane lo mdlalo ngoba yindoda engakuthandiyo ukoyiswa futhi kunyanzelekile iDowns iyibethelele indawo yayo phezulu kwiPSL.

Abadlali abatsha abafana noJeremy Brockie no-Aubrey Ngoma osuka kwiCity kunokwenzeka athembele kubo uJingles xa esiya kwidabi langoLwesihlanu.

“Ngumdlalo onzima kuthi lo. Siya emdlalweni sisazi ubunzima esijongene nabo. Kwimidlalo emithathu esiyidlale neCity sabethwa. Lo nto ithetha ukuthi kufuneka siyihloniphe iCity. Akufunekanga uye unesixhiba kwimidlalo enje ngoba ingavusa imimoya ibe phezulu. Ukuba asiphumeleli, umsantsa phakathi kwethu neCity kufuneka uhlale ngolu hlobo ululo ngoku,” utshilo uJingles ethetha namajelo endaba kule veki.

Ukuzothi ga ngoku uBenni McCarthy ukwazile ukuyigcina kwindawo ebikuyo iCity nakwisizini egqithileyo. Nangona esengumafikizolo uBenni kwicala lokuqeqesha kwiPSL – kodwa umsebenzi wakhe mhle.

UMcCarthy namakhwenkwe akhe kunyanzelekile bayibethe iSundowns ukuze bakwazi ukucutha umsantsa phakathi kwabo nayo.

UCraig Martin yindoda ekhulule iCitizens ngegowuli ngethuba idlala ne-Ajax Cape Town kutshanje – nakulo umdlalo kulindeleke azibonakalise kwakhona.

Imidlalo yePSL

NgoMgqibelo: Free State Stars vs Baroka FC @Goble Park Stadium, 15:30; SuperSport United vs Bloemfontein Celtic @Lucas Moripe Stadium, 15:30; Bidvest Wits vs Kaizer Chiefs @Bidvest Stadium, 18:00; Orlando Pirates vs Maritzburg United @Orlando Stadium, 20:15; AmaZulu FC vs Golden Arrows @King Zwelithini Stadium

NgeCawe: Polokwane City vs Ajax Cape @Old Peter Mokaba Stadium, 15:30; Chippa United vs Platinum Stars @Nelson Mandela Stadium, 15:30