Isiqalo sika-Ottis Gibson njengomqeqeshi omtsha weProteas siyancomeka. UGibson ubhengezwe yiCricket South Africa engena endaweni kaRussell Domingo emva kotyelelo lwaseNgilane kwinyanga yeThupha.
Ilizwe laseBangladesh, elikutyelelo eMzantsi Afrika, libe lixhoba leProteas lokuqala phantsi kwalo mqeqeshi. Kumdlalo wokuqala phakathi kwala mazwe adume ngokudlala iqakamba, uMzantsi Afrika uphumelele ngemitsi engamakhulu amathathu anamashumi amathathu anesithathu (333).
Nakowesibini kwenzeke into ebufana, iProteas ivuthulule iBangladesh ngemitsi engamakhulu amabini namashumi amahlanu anesine (254) eBloemfontein. Kukulo mdlalo wesibini – apho umdlali onekamva eliqaqambileyo kwiqakamba, uKagiso Rabada, enze idemeshe khona.
URabada, 22, uwise oothinti abalishumi eyedwa ngelo xesha iBangladesh inamashumi amathandathu anesithathu qha ebhodini.
Emva koko uRabada ube ngundaba-mlonyeni emva kokuba ethe wangoyena mdlali mncinane othe wafinca ikhulu leewikhethi kwimbali yoMzantsi Afrika.
Le ndedeba eselula ngokweminyaka icangcatha ekhondweni labadlali abaphume izandla kwiqakamba abafana noHashim Amla, uFaf du Plessis, * -Aiden Markram noDean Elgar abafikelelayo kwikhulu leewikhethi.
Umahluko phakathi kwakhe uRabada nabanye abadlali kukuba ufikelele kweli nqanaba eselula kunabo kwaye ngoku uphakathi kwamakhwenkwe amakhulu kwiqakamba.
Njengokuba uMorne Morkel engekho kwiProteas – uRabada unikwe uxanduva lokuvula imidlalo, enye yezinto ezinzima kakhulu kumdlali ongenathuba lide kakhulu edlala kwinqanaba eliphezulu kwimidlalo yehlabathi.
URabada no-Andile Phehlukwayo ngabadlali abaxhamleyo kwinkqubo yeCSA ekhuthaza ukunikwa amathuba kwabadlali abamnyama ithuba kwiProteas ebikade ibonwa njengeqela lebala elithile.
Umdlalo we-ODI ophakathi kweProteas neBangladesh uzakube useDiamond Oval kwidolophu yaseKimberley ngeCawe.
Silungiselela ukukhusela indebe yethu kwiWafcon, utsho uDesiree Ellis