URainer umkile, into

ishiyeke noBaloyi

UBrian Baloyi, umqeqeshi wonozinti kwiKaizer Chiefs, kuyanyanzeleka ukuba azimele ngenqayi elangeni ngoku futhi abonise wonke ubani ukuba ngenene lo msebenzi angawenza ngaphandle kokusingathwa. Igqala eliyingcaphephe kwicala lokuqeqesha oonozinti, uRainer Dinkelacker, unike uBaloyi iintambo ngokusesikweni ukuba ibenguye owenza umsebenzi wokuqeqesha nokulola izakhono zoonozinti kweli qela laseNaturena.

Njengokuba wabuyiswa buphuthuphuthu kwixesha lakhe lokuphumla kunyaka ophelileyo emva kokuba uDennis Rudel, owayengene endaweni kaRainer, wagqiba kwelokuba ayishiye iChiefs, ngoku kuye kwafikelela ixesha lokuba abuyele ekhayeni lakhe eGermany.

UDinkelacker, onamashumi amathandathu anesixhenxe, uncede iChiefs yavelisa oonozinti abaphume izandla esingabalula kubo uBrian Baloyi, uRowen Fernandez, * -Arthur Bartman, * -Itumeleng Khune noBrilliant Khune ukusukela ngo-1999, unyaka awafika ngawo kweli lizwe loMzantsi Afrika.

Yena uBaloyi ubuyele kwiChiefs phambi kokuqala kwale sizini iqhubayo. Kwezi nyanga zintlanu zidlulileyo ebephantsi koqeqesho lukaDinklelacker.

Umsebenzi wakhe ophambili ngoku uBaloyi kukuqinisekisa ukuba uKhune, uKhuzwayo noReyaad Pieterse bakwisimo esilungele umdlalo ngamaxesha onke. “URainer uthathe umhlalaphantsi ngokusesikweni,” utshilo uVina Maphosa, isithethi seChiefs izolo.