URhulani uthi zimpahla zodwa phaya kwiChiefs, akukho mqeqeshi eNaturena

Milutin Sredojevic, coach of Orlando Pirates and Rhulani Mokwena during the Orlando Pirates Media Day on 01 August 2018 at Rand Stadium Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Isekela mqeqeshi
le Orlando Pirates, uRhulani Mokwena, uthi zimpahla zodwa ezi ziphaya eNaturena
– akukho mqeqeshi oko kwathi kwemka uSteve Komphela. UMokwena uxelele
iintatheli izolo okokuba oko kwathi kwemka uKomphela kwiKaizer Chiefs akusekho
mqeqeshi okrelekrele futhi oyinkokeli. Amakhosi aqesha uGiovanni Solinas
kwiveki yokugqibela phambi kokuvulwa kwesizini yePSL ka-2018/19, evala indawo
eyashiywa nguKomphela owemka ngezipha zemicinga emva kokugqiba iisizini
ezintathu kungekho ndebe aze nayo eNaturena. USolinas uncediswa nguPatrick
Mabedi – owayencedisa uKomphela ekwangumdlali ophambili kwiChiefs ngeentsuku
zakhe zokudlala ibhola.

La maqela
alandelwa kakhulu kwibhola yaseMzantsi Afrika agqibela ukudibana ekuqaleni
kwalo nyaka. Loo mdlalo waphunyelelwa yiPirates ngo’3-1. Ebuzwa ngeenguqu
azenzileyo la maqela uRhulani ukusukela ngoko uthe: “Ndiyijonga ngeendlela
ezimbini mna ngaphandle kokuvakala ngathi ndithatha icala. Yalahlekelwa kakhulu
iChiefs ngokuhamba kukaSteve Komphela. Wayeyinkokeli futhi ekrelekrele. Xa
uthelekisa iChiefs phantsi kwakhe nale ikhoyo ngoku – kulula ukubona ukuba
idinga umqeqeshi okwela nqanaba. Andizami kunyathela umqeqeshi okhoyo – kodwa ungawujonga
umahluko xa idlala iChiefs kunesizini egqithileyo.”

UMokwena uthe
ukungabikho kobunkokeli nobuchule bokuqeqesha kwinkampu yeChiefs buqunywa
bubukho babadlali abasemgangathweni ophezulu abathengwe ekuqaleni kwesizini. “IChiefs
iziphucule ngokufumana abadlali abafana noKhama Billiat, uLeonardo Castro noLebo
Manyama kwaye ngabo abazakuba nefuthe kwiziphumo ezifunyanwa yiChiefs,” utshilo
uMokwena.

Umdlalo wangoMgqibelo
izakuba ngowokuqala kuqeqesha uSolinas kwaye uyibeke yacaca into yokuba ufuna
iqela lakhe lilungise iimpazamo elizenzileyo emdlalweni weTelkom Knockout
elibethe kuwo iBlack Leopards kumapenela.