URiveiro ofikayo uncwas’ubuyise iintsuku zolonwabo kwiPirates

Emva kokuvala isizini igqithileyo ikwindawo yesithandathu, i-Orlando Pirates ikhangela indlela entsha enokuziphucula ngayo kwisizini eqala ngempelaveki. Ezimnyama ziphantsi kwezandla zeenkokeli ezintsha emva kokwenziwa kweenguqu kwiindawo ezithile. Umqeqeshi omtsha nguJose Riveiro waseSpain. Ufike kwinyanga ephelileyo emva kokungaqhubi ngendlela eyanelisayo kwePirates. OkaRiveiro uthathe indawo kaMandla Ncikazi noFadlu Davids abebenikwe uxanduva lokuqeqesha iPirates emva kokuhamba kukaJosef Zinnbauer kunyaka ophelileyo. Emva kokuchongwa komqeqeshi, iPirates yonyule u-Innocent Maela njengoKapteni wayo omtsha emva kokuhamba kukaHappy Jele kwiiveki eziphelileyo.

UReveiro ukwamkele ngokupheleleyo ukuchongwa kukaMaela njengenkokeli yeqela lakhe. Abaphathi, abaqeqeshi nabadlali bebeyinxalenye yenkqubo yokuchongwa kukaMaela njengenkokeli entsha yeBucs. UMaela, 29, waveliswa yiPirates – kodwa ukhe wadlalela iWitbank Spurs neThanda Royal Zulu phambi kokubuyela kuyo ngo-2017 phantsi kukaMilutin Sredojevic. URiveiro uthembise abalandeli ngokubuyisa iintsuku zolonwabo kwiqela laseSoweto. “Sizama ukonwabisa abantu. Yeyona nto iphambili kuthi leyo. Sizama ukumema abaantu beze emabaleni bazokonwabela umdlalo nathi,” utshilo uRiveiro kutshanje kuphehlelelwa isizini yeDStv Premiership entsha eGoli.

“Sizimisele ukudlala ibhola enomtsalane okwaziyo nokudala amathuba. Ngamanye amaxesha siza kudlala ngendlela esifuna ngayo – kodwa ngeke yenzeke ngamaxesha onke lo nto. Siza kuzama kodwa ukudlala umdlalo omhle,” utshilo umqeqeshi. Njengokuba kuqala isizini entsha ngempelaveki, uRiveiro ukholelwa kwelokuba iPirates inabadlali aboneleyo abanokufezekisa zonke iinjongo zayo. Ezimnyama zikhe zaphakamisa iMTN8 ngonyaka ka-2020 emva kokugqibela ukuthatha indebe ngo-2014. IPirates iza kudibana neSwallows FC kwidabi laseSoweto emdlalweni weDStv Premiership obekelwe intsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, e-Orlando Stadium.

Imidlalo yeDStv:

Lwesihlanu: Cape Town City vs Mamelodi Sundowns @Cape Town Stadium, 19:30

Mgqibelo: Golden Arrows vs Richards Bay @Princes Magogo Stadium, 15:00; Orlando Pirates vs Swallows @Orlando Stadium, 15:00; Marumo Gallants vs Stellenbosch @Peter Mokaba Stadium, 17:30; Royal AM vs Kaizer Chiefs @Chatsworth Stadium, 17:30; Maritzburg United vs Sekhukhune United @Harry Gwala Stadium, 20:00

Cawe: TS Galaxy vs AmaZulu @Bidvest Stadium, 15:00; SuperSport United vs Chippa United @Lucas Moripe Stadium, 15:00