Zithe chu iimbasa zoMzantsi Afrika kwiCommonwealth Games

Abadlali beBlitzboke bevuyela impumelelo kwiCommonwealth Games. Umfanekiso: Jacob King/PA Wire/BackpagePix

Iqela lesizwe lombhoxo labadlali abasixhenxe, iBlitzboke, lonzakalise iFiji ngemvula yamanqaku emdlalweni wezizwe ezingamathanga (Commonwealth Games) obubanjelwe eBirmingham ngempelaveki egqithileyo. Okuyeza ibe nencasa impumelelo yeBlitzboke kukuba ifumene igolide emva kokudlala umdlalo ngendlela encomekayo kakhulu. Emva kokuhamba phambili kwisigaba sokuqala somdlalo ngo’17-0, iBlitzboke ibuye ngamandla futhi yawusonga umdlalo ebhodini ingu’31-7. Abadlali boMzantsi Afrika balele kahlanu emgceni kwenye jwi efunyenwe yiFiji.

Konke oku kwenzeka iqela likhokela nguZain Davids ongene endaweni kaSiviwe Soyizwapi osapanwe kukonzakala. Ethetha emva komdlalo, uDavids, uthe: “Ndiye ndachulumanca kakhulu entliziyweni yam – kodwa okubaluleke kakhulu kukuba size apha sawenza umsebenzi. Siwudlale kakuhle kakhulu umdlalo ebesidibene kuwo neFiji.” Yona iFiji ifumene imbasa yesilivere, iNew Zealand igoduke nebronze. Inenekazi laseGqeberha, uMichael Whitebooi uzenzele igama elihle ngokufumana igolide emdlalweni ekuthiwa yijudo. UWhitebooi wayefumene isilivere neebronze ezimbini emidlalweni eyayiseGlasgow ngonyaka ka-2014. Omnye ofumene imbasa kwijudo ibe nguCharne Griesel ofumene ibronze.

Emva kokuzuza imbasa, uWhitebooi uthe ijudo iza kude iyifumane inkxaso esyisweleyo. “Iimbasa ziza kuyiphakamisa ijudo. Ndicinga ukuba siza kuyifumana nenkxaso,” utshilo uWhitebooi. Kwicala leendadi, uPieter Coetze ufumene imbasa yesilivere. Kanti isilivere kaCoetze ilandela emva kweyegolide ayifumene ngempelaveki egqithileyo. UMzantsi Afrika sele ufake engxoweni iimbasa eziliqela kwaye inani liyenyuka usuku nosuku. Iigolide zintlanu, iisilivere zine nazo iibronze zine. Kanti ekuqaleni kweCommonwealth Games, uLara van Niekerk odadayo wenze imbali ngethuba efumana igolide yokuqala yoMzantsi Afrika.