USandilands liqhawe lePirates acambalalise iSuperSport emdlalweni obuse-Emirates Airline Park

Wayne Sandilands of Orlando Pirates challenges by Aubrey Modiba of Supersport United during the Absa Premiership match between Orlando Pirates and Supersport United on the 29 August 2020 at Emirates Airline Park, Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Iphumelele
umdlalo wayo wokuqala i-Orlando Pirates namhlanje ngethuba icambalalisa
iSuperSport United ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni we-Absa
Premiership obubanjelwe kwibala ekuthiwa yi-Emirates Airline Park. Unozinti
weZimnyama, uWayne Sandilands, liqhawe elingasoze lilityalwe emva kokuba evale
iipeenela ezimbini zonke emdlalweni engezinike iSuperSport impumelelo ebiza
kubethelela ngayo indawo yayi kumaqela amathathu aphezulu. Amaqela asukelene
zisuka emdlalweni – kodwa yiSuperSport enkqonkqoze kuqala ezimpondweni
zePirates. UGuily Manziba no-Aubrey Modiba bakhe bazama ukuhlasela – kodwa into
yabo ayiphumelelanga ngoba ifike ehleli iSandilands ezipalini. Emva koko uGabadinho
Mhango ufumene ithuba lokukhabela ipali emva kwempazamo eyenziwe nguThatayaone
Ditlhokwe emva. Kuyiwe kwixesha lokuphumla amaqela ebambene ngo’1-1 emva
kwamagowuli afakwe nguVincent Pule noLuke Fluers.

AmaBhakaniya
athathe apho ayeke khona kwisigaba sokuqala ekuqaleni kwesesibini. Amakhwenkwe
kaJosef Zinnbauer adlale umdlalo wawo wesiqhelo esiya phambili ngesantya
eziphezulu. Izixhwithele nayo iSuperSport United kwelayo icala. Ifolosi eyaziwa
ngokubabukhali, uBradley Grobler, ugqibe umdlalo engacholanga naphantsi kuWayne
Sandilands obetshisa bhe emdlalweni. Igowuli ephumelele ngalo iPirates lifakwe
nguLerato Lepasa. Yatsho yazuza impumelelo yokuqala emva kwemidlalo
emithandathu. Nangona iqhuba kakuhle iBucs – kodwa isahleli kwindawo yesihlanu
kwiPSL emva kokuqokelela amashumi amane anesithathu amanqaku emidlalweni
engamashumi amabini anesixhenxe. Yona iSuperSport United isahleli kwindawo
yesine. Komnye umdlalo obuseDobsonville Stadium, iHighlands Park
idlale ntanganye ngeqanda neMaritzburg United namhlanje. Izolo iChippa United ibambene neStellenbosch ngo’1-1.