UThokozani Sekotlong ukhulule iChippa United ngomzuzu wokugqibela eTuks Stadium

Chippa United water break during the Absa Premiership 2019/20 match between Stellenbosch FC and Chippa United at the Tuks Stadium,Pretoria on the 28 August 2020 Lefty Shivambu/Gallo images/BackpagePix

Zithe
xibilili izibilini zabalandeli beChippa United emva kokuba idlale ntanganye
neStellenbosch ngegowuli elinye macala (1-1) emdlalweni we-Absa Premiership
obubanjelwe eTuks Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Igowuli elifakwe nguThokozani
Sekotlong ngomzuzu wokugqibela lilo elikhulule iChippa United ebihamba emva
kwiStellenbosch ehambe phambili ngegowuli elifakwe nguWaseem Isaacs kwangoko
kwisiqingatha sokuqala. Idemesha eyenziwe nguWaseem yenzeke emva kokuba
abadlali beChippa bengakwazanga ukuchitha ibhola ngaphakathi emhlabeni
kanozinti. UVeli Mothwa ngoyena nozinti obexakekile kwakwisigaba sokuqala
somdlalo ngoba iStellenbosch ibilelona qela ebelihlasela futhi lidala amathuba
acacileyo emdlalweni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela likaSteve Barker
linethuba lokuwuthathela kuwo umdlalo ngokupheleleyo.

Nangona
iChippa iye yawunyusa umdlalo wayo emva kwegowuli likaWaseem Isaacs – kodwa idlale
kakhulu kwisigaba sesibini somdlalo. UPhetso Maphanga noFrederic Nsabiyumva
benze umsebenzi oncomekayo emva ngoba iifolosi zeStellenbosch bezifuna igowuli
lesibini. Phambili, u-Andile Mbenyane no-Augustin Kwem bazamile ukuxhokonxa –
kodwa ukungena kukaKurt Lentjies noLehlohonolo Masalesa kukona kuye kwaguqula
izinto emdlalweni. Abadlali beChippa baquqe bebuyelela emhlabeni
weStellenbosch, uLee Langeveldt obevale mba ude wavuma ngomzuzu wokugqibela
sele kuncanyiwe. Iza kuhlala kwindawo yeshumi elinesibini iChippa, kanti yona
iStellenbosch ibambe indawo yesibhozo. Izolo, iMamelodi Sundowns ibethe iKaizer
Chiefs ngo’1-0. Yona iBloemfontein Celtic ibambene neBidvest Wits ngo’1-1. NgoLwesibini,
iSuperSport United ibethe iBlack Leopards ngo’1-0.