Usengxakini uStanley Menzo kwi-Ajax Cape Town

Umqeqeshi weAjax Cape Town, Stanley Menzo , usengxakini

Umqeqeshi we-Ajax Cape Town, uStanley Menzo, angaphulukana nomsebenzi wakhe kungekudala ukuba izinto aziguquki kwiqela lakhe.

Le ndedeba yakwaMenzo isenalo ithemba lokuguquka kwezinto ngabadlali bayo kwimidlalo yale veki.

Eli qela laseKapa lidlale umdlalo walo neBidvest Wits (umdlalo ubekho sesishicilele) kwibala iBidvest Stadium ngenxa yengxaki yamabala angafumanekiyo eMother City.

Kanti neChippa United izakundwendwela i-Ajax kwakweli bala linye.

Njengokuba kusondela ixesha lokuvalela iiholide zokuphela konyaka, amaqela adlala kwiPSL alwela ukuba kwiindawo ezindilisekileyo – nayo i-Ajax Cape Town ayohlukanga kulo maqela.

Inye into ekunyanzelekileyo iyenze kule veki: kukuphumelela imidlalo.

UMenzo ugxeleshe ukubetha iChippa kumdlalo wePSL ongoMgqibelo ngo’20:15 eBidvest Stadium.

Umqeqeshi ukhe wanentlanganiso nengqonyela yeqela uMnu. Ari Efstathiou – ovakalise inkxalabo yakhe yimeko elikulo iqela.

“Enyanisweni, imeko yam ayintlanga – lo nto ndiyamkele ngoba yinto eyenzeka ebholeni. Kufuneka ndizame ukukhangela isisombululo. Ndithethile no-Ari kwaye kunzima nakuye,” utshilo uMenzo.

Akululanga ukufunqula imimoya yabadlali xa isezantsi – kodwa uMenzo kudala esebholeni. Into afanele kukuyenza uyazi kakuhle noxa kukho uxinizelelo emagxeni wakhe.

“Ndizimisele ukugxila kwizinto endicinga ukuba ndingakwazi ukuzenza nezinokuphucula iqela. Ndiyathemba nabo abadlali bayaluva uxinizelelo,” utshilo uMenzo.

IChilli Boys ziya kumdlalo wempelaveki zifuna amanqaku apheleleyo ukuze ziqinise indawo yazo phakathi kwamaqela akwiTop 8 phambi kokuphela kwalo nyaka.

Kufuneka abadlali be-Ajax bazimisele ngoba iChippa iyingozi kude nekhaya ngoku iphethwe nguTeboho Moloi.

“Kunzima ukudlala kakuhle xa izinto zingahambi kakuhle. Nangona kunjalo, sizimisele ukujongana nomdlalo ubemnye ngexesha. Ndiyathemba sizakuthi sikwazi ukulinceda iqela ngokuthi siqokelele amanqaku kule midlalo,” utshilo uMenzo.

Imidlalo yePSL

NgoLwesihlanu: Maritzburg United vs Baroka FC @Harry Gwala Stadium 20:00

NgoMgqibelo: SuperSport United vs Cape Town City @Mbombela Stadium 15:30; Polokwane City vs Bidvest Wits @Old Peter Mokaba Stadium 15:30; Platinum Stars vs Kaizer Chiefs @Royal Bafokeng Stadium 18:00; Orlando Pirates vs AmaZulu FC @Orlando Stadium 20:00

NgeCawe: Bloemfontein Celtic vs Free State Stars @Dr Molemela Stadium 15:30