UShakes ubuye encumile eGambia

Gambia 0

Bafana Bafana 4

UShakes Mashaba yindoda eyonwabileyo emva kokuba uMzantsi Afrika uvuthulule iGambia ngamagowuli amane eqandeni kumdlalo ohlakulela i2017 AFCON e-Independence Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.

Kula mdlalo, iBafana Bafana yenze kanye le nto uShakes ebethetha ngayo, ukuqokelela amanqaku apheleleyo nangona ithemba lokuya kwi-AFCON ezayo lingekacaci.

Yifolosi uThamsanqa Gabuza ongcangcazelise umnatha kwade kwakabini kwisigaba sokuqala. Walandela ngamanye amabini uKeagan Dolly obenegalelo kuwo omane amagowuli alo mdlalo.

UMzantsi Afrika kuye kwanyanzeleka wenze utshintsho kwangoko emva kokonzaka kukaThulani Serero.

Liqela ebelidlalela ekhaya elinkqonkqoze kuqala izihlandlo ezibini, kodwa lafika * -Itumeleng Khune ehleli ezipalini. Akukho bunzima bungako, aBafana Bana ababufumene kwiGambia.

Intsebenziswano phaya phambili kuGabuza noDolly yeyona ethande ukugqama kuzo zozibini izigaba zomdlalo.

Isiqingatha sesibini silawulwe yiBafana Bafana kwakhona. UDean Furman noMpho Makola bangene bawuqinisa umdlalo weqela likaShakes.

UDolly ufake awona magowuli akhe amahle kwikhono lakhe lokudlala ibhola. Kuzo zozibini izihlandlo, ukhabe ibhola ekude kunomhlaba kanozinti oshiyeke ephelelwe ngamandla.

Ngoku iqela likaShakes lizimisele ukuphumelela umdlalo walo wokugqibela ukuze lijonge amanye amaqela adlala njani na.

Le ibiyimpumelelo yokuqala yeBafana Bafana kwimidlalo yokuzibekela indawo kwi-AFCON ezakudlalwa ekuqaleni konyaka ozayo.

Iinguqu ezenziwe nguShakes kwiqela lakhe eliqale umdlalo zisebenzile kakhulu futhi kunokwenzeka angenzi tshintsho kumdlalo wokugqibela.