USikhakhane uyibeke phezulu iThanda Royal Zulu

Celebrations as Thanda Royal Zulu wins during the National First Division 2016/17 game between Thanda Royal Zulu and Stellenbosch FC at Umhlathuze Sports Complex in Richards Bay, KwaZulu-Natal on 3 May 2017 © Gerhard Duraan/BackpagePix

IThanda Royal Zulu ziintshatsheli zeNational First Division ezivunyiweyo. Oku kwenzeke emva kokuba eli qela lakwaZulu Natal liqokelele amanqaku angamashumi amahlanu anesithandathu kwimidlalo engamashumi amabini anesixhenxe.

Eli qela liqeqeshwa nguRoger Sikhakhane lizenzele imbali ngokuthatha indebe yeNFD kusashiyeke imidlalo emithathu esandleni kwaye lingaphulukananga nomnye umdlalo ukuzokuthi ga ngoku.

Ukuphumelela kweThanda kuthetha ukuthi kwisizini elandelayo izakube idlala kwi-Absa Premiership kwakhona emva kokuthotyiselwa ezantsi kwisizini ka-2008/09 eyayidlala kwi-Absa Premier Soccer League kuyo.

Amabhubesi aqinisekise indawo yawo kwiPSL emva kokubetha iStellenbosch ngo’2-1 eMhlathuze Sport Complex ngoLwesithathu weveki ephelileyo. Amagowuli anike impumelelo iThanda afakwe nguKhotso Malope noMichael Gumede. Iqela elikwindawo yesibini yiBlack Leopards enamanqaku alishumi elinambini .

Ukuba ziintshatsheli kweThanda Royal Zulu kuzindaba ezinambithekayo kubalandeli bebhola KwaZulu Natal, ngoba lo nto ithetha ukuthi ngoku ela phondo linamaqela amathathu adlala kwiPSL.

Oku kokwesini uRoger Sikhakhane enyusela iqela kwiPremier Division, ngaphambili wanceda iChippa United. Lo kaSikhakhane wohlukana neChippa United watsho wazifumanela ikhaya kweli qela elizinze eRichards Bay. Emva kokuphumelela isicoco, uSikhakhane uncome abadlali bakhe ngokudlala ngokuzimisela.

“Asoze kube yinto elingulileyo xa kunconywa mna kuphela. Iqela lonke lifanelwe kukunconywa liqhwatyelwe izandla,” kutsho umqeqeshi.

Abaphathi, abadlali kwakunye nabaqeqeshi bonke bafanele ukunconywa ngokusebenza ngokubambisana nokusebenza nzima. Kuluchulumanco ukubuyela kwiPSL kodwa mninzi umsebenzi ofanele ukwenziwa. Kodwa ndingatsho ukuba iThanda Royal Zulu ayizukongeza manani kwiPSL koko izakukhuphisana namanye,” uvale ngalo mazwi uSikhakhane.

isibhalo@inl.co.za