Emva kweminyaka elishumi
elinesibhozo, uSteve Pienaar, ubeke phantsi iintambo njengomdlali webhola
ekhatywayo. Le ndedeba eyayifudula inguKapteni weqela lesizwe yenze esi sibhengezo
ebusuku izolo. UPienaar ubeka phantsi ebholeni enamashumi amathathu anesihlanu
eminyaka emva kokuba echithwe yiBidvest Wits awazibandakanya nayo kunyaka
ophelileyo (2017) phambi kokuqala kwesizini ka-2017/18. EYurhophu, lo kaPienaar
uzibalule kumaqela amakhulu afana ne-Ajax
yaseHolland, iBorussia
yaseJamani, iTottenham Hotspur neSunderland zaseNgilane. Kuwo onke la maqela,
ushiye umzila ongasoze ucime ezingqondweni zabalandeli bebhola.
UPienaar udlalele iBafana
Bafana, ebakwanguKapteni kuyo, imidlalo engamashumi amathandathu anesibini (62)
– kanti ukwadlalile kwi-2002 World Cup, iConfederation Cup ka-2009 nendebe
yehlabathi ka-2010 eyabanjelwa eMzantsi Afrika okokuqala ezimbalini. Phantsi kwegama
lakhe, uSchillo uyeka ebholeni efake amagowuli angamashumi amane anesihlanu
(45) kwimidlalo engamakhulu amane anamashumi amane onke. “Namhlanje ndifuna
ukunazisa ngokuyeka kwam ibhola. Ndifuna ukuthi enkosi kumama wam, usapho lwam
nakuwo onke amaqela endiwadlaleleyo nabalandeli bawo. Ndiyabulela kakhulu
ngokundithanda,” utshilo uPienaar kushicilelo aluxhome kuTwitter.
Phambi kokuvalwa kwenyoba
yokuthengwa kwabadlali kulo nyaka, usihlalo
wayenawo umdla wokutyikitya uPienaar – kodwa kwade kwaphela inyanga
ingenzekanga lo nto. Ukungafumani kwakhe iqela elitsha nokungaqhubi kwakhe
kakuhle kwisithuba seenyanga ezintandathu azichithe kwiWits, kunokwenzeka ukuba
zezinye zezinto ezibangele abeke phantsi ngokukhawuleza uPienaar. Kwikhono
lakhe lebhola ekhatywayo, uSteven Pienaar, uphazanyiswe kakhulu kukonzakala. Phambi
kokuya kwiWits, kwakukho iingxelo ezithi angathathwa ngamaqela afana ne-Orlando
Pirates neKaizer Chiefs – kodwa zange kube njalo emva kokutsityelwa nguGavin
Hunt owayefuna ukuqinisa iqela lakhe emva kokuphumelela indebe yePSL
ka-2016/17.
Baqale uqhankqalazo abaqhubi beenqwelomoya