USunny uncede iWits emdlalweni wokuqala weTelkom Knockout

Simon Murray of Bidvest Wits celebrates goal with teammates during the Absa Premiership 2018/19 football match between Cape Town City FC and Bidvest Wits at Cape Town Stadium, Cape Town on 2 October 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Igowuli elinye
emdlalweni elifakwe nguSimon Murray lincede iBidvest Wits yadlulela kumjikelo
olandelayo weTelkom Knockout emva kokubetha iFree State Stars ngo’1-0 kumdlalo
obubanjelwe eGoble Park Stadium emalanga namhlanje. UMurray – ifolosi enguphuncuka
bemphethe yeWits esuka kwilizwe laseScotland – ubhakuzelise umnatha zisuka
emdlalweni emva kokuba abadlali beFree State Stars bengakwazanga ukuchitha
ibhola ebigotywe kakuhle kwicala lasekunene. Imizuzu emihlanu yokuqala
kwisiqingatha sokuqala somdlalo iphele iStars iphantsi koxinizelelo olumandla,
kangangokuba iWits ngeyilifumene igowuli lesibini ukuba ibikwazile
ukuwasebenzisa amathuba wayo.

Ithuba elicacileyo
leStars lithe gqi kumzuzu wamashumi amabini anesibhozo xeshikweni uGoodman
Dlamini engquba ibhola ngentloko – kodwa ngelishwa lakhe, ibhola yakhe ifike unozinti
uDarren Keet ethe qwa. Abadlali beStars badlale umdlalo ungadibananga noxa
bebedlalela enkundleni yabo ngoba iWits ibidlala umdlalo okhawulezayo futhi
isebenzisa iibhola eziphezulu ezithi gqi emacaleni. UGavin Hunt ugoduka exolile
emva kokuzuza impumelelo ngoba iqela lakhe lifumana ithuba lokuqinisa iinzame
zalo zokukhusela iTelkom Knockout ephunyelelwe liqela lakhe kwisizini
egqithileyo ebinzima kakhulu kwiBidvest Wits.

 

Free Stars: Sangare,
Mahamutsa, Phungwayo, Tema, Dlamini, Maruping, Makhaula, Jantjie, Bhengu,
Mobbie, Tchilimbou.

Amalalela: Kwizera, Keita, Mbhele, Masina, Gandze, Rodgers, Moseamedi.

Bidvest
Wits: 
Keet, Hlatshwayo,
Nonyane, Johannes, Monare, Murray, Hotto, Mkhwanazi, Alexander, Domingo, Macuphu.

Amalalela: Mhlongo, Mere, Pelembe, Motupa, Ritchie, Dzvukamanja, Majoro.